Baphiwe izipho abase Wisile eNgcobo
Yonela Mpaka | Clackburry
Amawisile esekethe yase Bhojane kwisithili sase Clackburry phantsi kwedolophu yase Ngcobo athe ndlelantle ku Rev Sonamzi kwakunye nowakwakhe. URev Sonamzi sele eneminyaka ekwicala lase Ngcobo enikela ngamandla wakhe kwicawa yamawisile. Ibingu Mbo noMxesibe kwitheko lika Mfundisi uSonamzi. Amawisile afike ephethe izipho kuquka izizalwane kwakunye nabo basenyongweni kuye.

Usodolophu womasipala iDr AB Xuma u Siyabulela Zangqa ungomnye wabo babekekileyo ebezizimase oku. URev Sonamzi uthi kuyamonwabisa ukubona abantu abangaka bemxhasa bevuyisana naye, oko uthi kubonakalisa ukuba umsebenzi wakhe uyabonakala, uthi uyakuhlala ebakhumbula abantu becawe abebemphethe kakuhle, bemhlonipha ngamaxesha onke, ushiye umyalezo kwabo basashiyeke kwisikhokhelo esithi babambisane bangajiki kwindlela yabo yokudumisa. Indwendwe uZangqa nongu Sodolophu umchaze loka Sonamzi njengomntu ebevuselela kakhulu kwicala lenkonzo ekhuthaza kanye nabo bathi boyiswe besendleleni yokukhonza, umnqwenelele okuhle. Icawe lena ibisele inazo nenqubo zokunikela ngempahla kumakhaya angathathintweni phantsi kwesikhokhelo sika Rev Sonamzi.

Olilungu lenkonzo umama uNomava Gajana uthi umsebenzi uMfundisi uwugqibile makayophumla. “Siyabulela ulikhulisile kakhulu ibandla, enceda kwabasweleyo, umsebenzi wakhe awunakulibaleka, uthuthuzele kwabo bantliziyo zityumkileyo,” utshilo umama u Nomava Gajana wamawisile. Ulutsha nalo beluyinxalenye yalo msitho

