CommunityLocalNews

USodolophu waseNyandeni uneqhinga lokunqanda ukubhubha kwabakhwetha

11 May 2023 – Monwabisi Khininda

ENYANDENI

USodolophu womasipala wasekuhlaleni waseNyandeni uViwe Ndamase uthe ulwaluko yinyewe yekhaya hayi ekarhulumente. Ulumkise abazali ngelithi mabohlukane nokufaka urhulumente apho angangenikhona. UNdamase ebenodliwano ndlebe neliphephanda bangamaqhinga okulwa ukubhubha kwabakhwetha esuthwini ingakumbi kumhlaba waseNyandeni owenziwa yiNgqeleni iLibode nePort St. Johns ezizidolophu zamaMpondo.

Ulwaluko kumakhwenkwe angekho sikolweni kulindeleke ukuba luvulwe ngoLwesihlanu weveki esikuyo (05 May). INyandeni ngomnye woomasipala abambalwa kummandla we-OR Tambo abanegosa elijonge nencakasana nolwaluko. Ummandla we-OR Tambo ubhujelwe ngabakhwetha abalishumi ngexesha lolwaluko lwasekupheleni konyaka. Bonke babhubhele kwizikolo zolwaluko olungekho mthethweni.

“Luxanduva losapho ukukhetha ingcibi esemthethweni kunqandwe ukubhubha kwabakhwetha. Lihlazo ukuva umzali esithi akayazi ingcibi eyoluse unyana wakhe. Likhaya elixoxa ngolwaluko hayi urhulumente,” kucacisa uNdamase. Lo Sodolophu uthe umasipala wakhe uqale ukulungiselela ulwaluko lwaphakathi enyakeni ekuqaleni konyaka. Ukwathe ukufundiswa kwamakhwenkwe ngeendlela yokuziphatha sisixhobo esiphambili ukunqanda ukubhubha kwabakhwetha. Uqhube wathi isizathu sokuba umasipala waseNyandeni angabhujelwa ngabakhwetha kukuqinisa ubudlelwane neentsapho zikhuthazwe zithathe uxanduva lwazo kule nyewe.

UNdamase uthe iintsapho mazincedisane namapolisa xa kuvulwe ityala lengcibi engekhomthethweni bayonika ubungqina ukuze zigwetywe. Ugxininise kwelokuba amapolisa mawabambe avalele bonke abangcolisa elisiko.