Iqalise inkqubo yokuthintelwa kweenkomo kwisifo seFoot and Mouth disease
Edition: 12 March 2026 – 25 March 2026
Intatheli: Anele Raziya | Gcuwa
Isebe elijongene nezoLimo eMpuma Koloni livakalise ukuba sele iqalisile inkqubo yokutofwa kweenkomo kuthintelwa isifo seMouth and Foot disease esele ingundabamlonyeni kulo lonke eli.
Ebutsheni bale nyanga isebe lezolimo elikhokelwa nguMphathiswa uNonceba Kontsiwe libhengeze ukuba ngamayeza afikelele ku150 thousand esele efikile eMpuma Koloni.
Kwaye kwisithuba seentsuku ezimbini efikile amayeza uMphathiswa uKontsiwe uthe zinkomo ezingaphaya ko50 thousand esele zitofiwe kwindawo ezahlukeneyo ukuzikhusela kwesi sifo sibabazwayo ndawo yonke.
Ukwathi amagosa weseburhulumenteni axakekile sithatha nje ahambela phezulu uqinisekisa ukuba lamayeza afikelele kuzo zonke iingqingi ezisephondweni ukuze imfuyo ikhuseleke kwesi sifo.
UKontsiwe ukwavakalise ukuba bayayibulela inkxaso mali engange 55 million abathe bayinikwe ngurhulument wephondo ngenza zokuba kuncediswane kuliwe nesifo iFoot and Mouth disease.
Uvalelise ngelithi lamayeza wokulwa esi sifo awakhethanga bani kwaye aza kuhamba afikelele kuzo zonke iindawo ezinabantu abafuyileyo iinkomo.
Kwintetho yakutsha nje yokuvula Indlu yoWisoMthetho eBhisho, iNkumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane uthe urhulumente uzibophelele ekuxhaseni isebe elijongene nezolimo.
UMabuyane uthe elisebe liphakathi kwamanye amasebe adlala indima ebalulekileyo ekuncedeni uluntu ukuba likwazi uziphilisa olo lulimileyo nolufuyileyo kwaye kutsho kudaleke namathuba wemisebenzi ukugxotha idlala.
Uthe be ngurhulument bazakuqinisekisa ukuba balinika inkxaso efanelekileyo elisebe ingakumbi ngelixesha lijongene nesifo sefoot and mouth disease.


