UMabuyane umangalele uMalema
Edition: 30 April 2026 – 13 May 2026 Intatheli: Monwabisi Khininda | Gompo
INkulumbuso yephondo leMpuma Kapa uOscar Mabuyane ubhenele enkundleni yamatyala ephakamileyo kuGompo ngezityholo ezityatyekwa esidlangalaleni yinkokheli ye-EFF uJulius Malema. Ezi zityholo zithi uMabuyane wafumana isidanga kwiYunivesithi yaseForte Hare ngondlela mnyama. UMalema ebenikwe ixesha lokuba acele uxolo esidlangalaleni kuMabuyane. UMalema wazenza ezi zityholo ngethuba ephuma enkundleni kuGompo. Ngokwengxelo ekhutshwe yi-Ofisi yeNkulumbuso into efunwa yiNkulumbuso kukuthintelwa kukaMalema ukwenza udliwano ndlebe ngezi zityholo. Ukuchazwa kwezi zityholo njengezigqwalisa iNkulumbuso, ezibubuvuvu nezingekho mthethweni.Ikwagxeleshe ukuba ahlawule iindleko.
Isithethi seNkulumbuso uSonwabo Mbananga uthe: “UMabuyane ubhenele enkundleni ukukhusela isidima sakhe negama lakhe apho kuya kuvezwa khona inyaniso. Ezi zityholo zesidanga somgunyathi eForte Hare azinabunyani, ziyingozi kwaye azinasihlahla.” Kwingxelo ekhutshwe kwiintsuku ezimbalwa ezidluleyo iNkulumbuso ithe ayinaso isidanga etyholwa ngaso nguMalema. INkulumbuso ithi le nyewe ayinanto yakwenza nopolitiko kodwa ingokukhusela isidima sayo ngokusemthethweni namalungelo wayo. UJulius Malema usavale umlomo ngesigqibo sikaMabuyane sokubhenela enkundleni.


