Arts & CultureNews

“Enkosi ngokundivotela” — kutsho uMinister Jezile emva kokuphumelela

14 May 2026 | Anele Raziya | Gcuwa

Owayesakuba ngumsasazi kwisikhululo sosasazo sasekuhleleni iKhanya Community Radio eGcuwa, uAzole “Minister” Jezile akawuvali umlomo kubulela inkxaso ayifumeneyo kwabo bamvoteleyo ukuze abengomnye wabasasazi abaye babhengezwa njenga baphumeleleyo kukhuphiswano lokusasaza lweTruFM (SABC Radio). 

Inzalelwane yaseMnquma kwilali yaseNjakazi kuCentane, uJezile kunye nenekazi uTsholofelo Bozo baye babhengezwa yiTruFM ngolwesihlani emva kwemini ukuba ngabasasazi abawinileyo kukhuphiswano iTruTalent ebiququzelelwa sesikhululo solutsha. 

Ukuphumelela kwabo ngeevoti ezithe xhaxhe xa uthelekisa nezabanye ebebekhuphisana nabo, lonto ithathe bawufumene umsebenzi kwisikhululo iTruFM. 

Bobani abawinileyo banikwe isivumelwa sengqesho sonyaka ukuba umntu ubonakalisa ikhono lakhe lokusasaza. 

Emva kwale mpumelelo oka Jezile uye wenze amazwi ombulelo kuye wonke umntu owenze iphupha lakhe lokusebenzela iSABC radio laphumelela ngokuthi amvotele. 

“Ndiyavuya ndonwabile ndinemincili kwaye ndiyayazi impumelelo yam ibangelwe nini bantu abandivotele ngobuninzi. Ndifuna ukuthi kuni nonke abathe bandixhasa ekuqaleni kokhuphiswano kwade kwasekugqibeleni, ndiyabulela kakhulu kwaye enkosi ngenkxaso yenu,” kutsho uJezile. 

Uthe uyayazi ngexesha kuqhuba ukhuphiswano khange kubulela kodwa ngenxa yenkxaso ebethe rhoqo uyifumana ebantwini lonto imomelezile kwade kwase kugqibeleni kukhuphiswano. 

Uqhube wathi impumelelo yeTruTalent ayoyakhe yedwa yeyomntu wonke oye wamnika inkxaso ngexesha lokhuphiswano kwaye uMinister uye wathembisa ngokuba sokuze abaphoxe abo bathe bamvotela uza kusebenza ngokuzimisela emsebenzini wakhe omtsha. 

UMinister ebengaqali kulo nyaka ungenela kukhuphiswano lweTruTalent ukhe wazama kwiminyaka edlulileyo izihlandlo ezingaphaya kwesithathu kungalunginto kodwa kweli ityeli uye wabuya nodumo. 

Impumelelo kaJezile ichaza ukuthi ungumsasaza wokuqala ezimbalini ophuma eKhanya Community Radio ophumelele olukhuphiswano njengoko uninzi lwabo batsho phantsi isitya sigcwele kwiminyaka edlulileyo. 

Umasipala waseMnquma ekunye nowaseAmathole bathumela imiyalezo ethi huntshu kuJezile ngelivuyisana naye.