Uncategorized

“Sifunda Sidlala”: Ukubaluleka Kokukhutshwa Kwabantwana, lisichubele inina.

13 August 2026 | Ntsikelelo Jonga | Dutywa

Ngomhla wama-24 kweyeKhala 2026, i- Kamvalethu Creche ephaya eTyelekebende, Dutywa, iphume nabantwana bayo bayokwenza into eyahlukileyo.  

Bakhokeleka nguNqununu Nkskz. Nosiphelo Mthambeka, bekunye nekomiti nabazali.

Baya e-LG Mbhashe Mall eDutywa kwaye basuka baya ebaleni lezemidlalo. Kodwa le yayingeyiyo i-outing yokuzonwabisa nje. Yayiyiklasi ngaphandle kweklasi.

Kutheni Kubalulekile Ukukhupha Abantwana?

Kwinkqubo yabo ethi “Sifunda Sidlala”, i-Kamvalethu Creche ilandela imigaqo emibini (2) ebalulekileyo ye-ELDA – “Early Learning Development Areas”:

1.⁠ ⁠ELDA 6: Ulwazi Nokuqonda Ngehlabathi Nabangqongileyo  

Xa umntwana ephuma kwigumbi lokufundela aye evenkileni enkulu okanye ebaleni, uyabona izinto encwadini ngamehlo akhe. Uyafunda ngabantu, ngezithuthi, ngezitolo, nemali. Oku kwakha ingqondo yakhe kwaye kumnceda aqonde ukuba ihlabathi limsebenza njani ngaphandle kwe creche.

2.⁠ ⁠ELDA 3: Uqhagamshelwano Nokuhlalisana :

Emabaleni, umntwana  ngamnye uyabonakala. Bona ukuba ngubani othanda ukubaleka, ngubani othanda ukunyuka, ngubani othanda ukwabelana ngamathoyizi. Kulapho izakhono zentlalo ziqala khona. Badlala, bayaxoxa, bayalungisa izingxabano – konke oku kuyingxenye yokukhula.

Unqununu ukuchaza ukubaluleka kokukhutshwa kwabantwana kuluncedo phantsi koku: 

1.⁠ ⁠Ukuphuhliswa Kwezakhono: Ngexesha lokudlala, ingqondo, imisipha, nokucinga komntwana kuyakhula.  

2.⁠ ⁠Ukuzimela Nokuzithemba : Ukubona iindawo ezintsha kunika umntwana isibindi sokuzama izinto ezintsha.  

3.⁠ ⁠Impilo Yomzimba: Ukubaleka, ukunyuka, nokudlala ngaphandle kuyayomeleza imizimba yabo.  

4.⁠ ⁠Ubudlelwane Nabazali: Xa abazali bebandakanyeka kwi-outing, komelela ubuhlobo phakathi kwekhaya nesikolo.  

5.⁠ ⁠Ukuphulwa Kwesiqhelo : Kubantwana abaninzi, le yithuba lokuqala lokubona i-mall enkulu. Kuyavula amehlo kwaye kunika ithemba.

“Ngeso sizathu siphumayo,” utshilo uNqununu Mthambeka, “ukufundisa abantwana ulwazi nokuqonda ngehlabathi nokubangqongileyo. Apho ke simbone umntwana izinto akwazi ukuzenza kulemidlalo nezinto azithandayo.”

Abasebenzi BeKamvalethu Creche:

•⁠  ⁠Chairperson:T. Ntantala  

•⁠  ⁠Secretary:    F. Kenya Zodala  

•⁠  ⁠Treasurer:    N. Zibhaxa 

•⁠  ⁠Practitioner: N. Mthambeka  

•⁠  ⁠Assistant:     W. Mpuqa

Kwaye ngoku iKamvalethu Creche isikhumbuza ukuba nokondla ingqondo nokuphulula umphefumlo womntwana kubaluleke ngokulinganayo.

Abantwana abafanele bavaleleke ezindongeni kuphela. Kufuneka babone, baphumle, badlale, bafunde. Kuba namhlanje siyabakhulula, ngomso ngabo abazakukhulula uluntu.

UMBUZO KUWE Mfundi: 

Ucinga ntoni ngale nkqubo yokuthi “Sifunda Sidlala”? Ngaba izikolo  kufuneka zenze ngakumbi ukukhupha abantwana kwi-‘outing’ njengale?