IINTLANSI ZEBHOLA ZILINDELEKE EMNQUMA KWI-SCHOOL SUPER 8 FESTIVAL
27 August 2026 | Anele Raziya | Anele Raziya
UBanzi “Bra Ace” Siyongwana weULwazi Foundation, uthe ngale mpelaveki balindele imidlalo etakisa iintlantsi xa bezakube besindleke itumente yebhola ebizwa ngokuba yiSchool Super8 Festival kwiYunivesithi Walter Sisulu eGcuwa ngalo mgqibelo.
NgoLwesihlanu kwiveki ephelileyo, ikomoti yeULwazi Foundation ekhokhelwa nguMnu Siyongwana, iye yakhweba izikolo ezisibhozo izibizela kwintlanganiso apho ibinika ingxelo malunga nendlela eza kuqhuba ngayo iSchool Super 8 Festival ngalo mgqibelo nange cawe.
Ngaphambi kokuba kusongwe indibano ebezinyaswe ngootitshala bezikolo ezi zakudlala kule tumente, kuye kwathelekiswa amaqela.
Kuthelekiso olo, isikolo iArthur Mfebe high school kuthiwe iza kuvana amandla neTsomo Senior secondary school, iXolilizwe high school idlale neDinizulu high school.
Yomibini lomidlalo yeyokuvula amabala kusasa njengoko itumente iza kudlalelwa kumabala amabini weYunivesithi Walter Sisulu kwikhampasi eseBika.
Kwimidlalo elandelayo, iThanga senior secondary school iza kudlala neMacibe high school logama iBlythswood senior secondary school idale neZingqayi senior secondary school.
Itumente kulindeleke iqale ngalo ngomgqibelo ibuye isongwe ngecawe kwaye abaxhasi ekwangabaxhasi bale midlalo, iULwazi Foundation ithe ilindele imidlalo itakise iintlantsi.
Ngaphambi kokuba kuqhambuke iCovid19 kweli lizwe, iSchool Super 8 Festival yayiphunyelelwe sisikolo iXolilizwe high school yakuGatyane.
UMnu Siyongwana uthe kulindeleke ukuba itumente inike umdla omkhulu njengoko wonke ubani efuna ubona ukuba isikolo iXolilizwe high school sizokwazi ukhusela indebe yaso.
Ethetha ngamalungiselelo wemidlalo, uBra Ace uthe yonke into sele ime kakuhle kwaye inye into edingekayo kukuba abadlali bangene ebaleni babonakalise iitalente zabo.
Kule midlalo kuyavakala ukuba bazabakhona abachongi bezokujonga italente kwezidyogwana zineminyaka engaphantsi kweshumi elinethoba.
Kwaye isikolo esizibethe zonke ezinye kuthiwa sizakugoduka neebhaso elinvumisayo.
Isikolo esohlulwe kumdlalo wamanqam naso sizofumana ibhaso kunye neso sigqibe kwindawo yesithathu.
Itumente kulindeleke ukuba intsale umdla wabantu abazakuba besuka eMbhashe, Mnquma, Tsomo nakwezinye idolophu.


