Bafumana inkxaso abayidingayo eNtabankulu
12 EyeDwarha 2023 – Anele Raziya
NTABANKULU
USodolophu woMasipala waseNtabankulu kwingingqi yaseAlfred Nzo, uTsileng Sobuthongo ujonge phambili kwiphulo lokuqinisekisa ukuba abo baneprojekthi ekuhlaleni bafumana inkxaso abayidingayo.
Kulandela emva kokuba ebutsheni bale nyanga umasipala waseNtabankulu uye waxhasa amanina athungayo ngeematshini zokuthunga ezintsha kraca ukuba aqhubele phambili namashishini wawo.
Ngamanina angaphaya kweshumi elineshlanu ebephuma kwiiWard ezahlukeneyo ngaphantsi komasipala waseNtabankulu naye axhamla koomatshini.
Aba matshini ekunikezelwe ngabo ngumasipala bakwizinga eliphezulu (industrial machines) ngoko kutsho kuka Sobuthongo kwaye uthe bazakudlala indima ebalulekileyo kumashishini wala manina.
USobuthongo ethetha nala manina ngaphambi kokuba anikezele ngeematshini ekunye nabanye ooceba uthe: “Sithe gqolo Singu rhulumente wase makhaya ukuqinisekisa ukuba siyawaxhasa amaphulo wabantu bakuthi kuquka nabantu abangomama. Sikwenza oku ngenjongo zokwenza indlela lula yokuba kukhule amashishini wabantu bakuthi bakwazi ukugxotha nekati elele eziko”.
Uqhube wathi bengurhulumente bazakuqhuba bexhasa uluntu, kuba namathuba emisebenzi anqabile kwaye iyakhuthaza into yokubona abantu beziqalela iiprojekthi ekuhlaleni ukuze balale betyile.
USobuthongo ngomnye woosodolophu abasoloko bethe gqolo ukuqinisekisa ukuba zonke iiprojekthi ekuhlaleni ziyayifumana inkxaso.
Kangangokuba uqhele umasipala wakhe uhamba phambili kwicala lokuxhasa amafama asakhasayo kwaye umasipala wakhe uyancedisa ukuba kuqeqeshwa abantu abatsha kwizakhono ezahlukeneyo ekuquka nakwicala lomculo.
Amanina ebeyinxalenye yalo msitho aye enza umbulelo omkhulu ngenkxaso ayifumene kumasipala esitsho ukuba iimpilo zawo ngekhe ziphinde zifana kunaqala.
