CommunityLocalNews

Lixhasiwe usapho olungathathintweni

02 September 2026 | Yonela Mpaka | Ngcobo

Abahlali belali yaku Mbhekeni  eNgcobo bathe batyelela kusapho lakwa Majangaza ukuyonikela ngokutya bacoca nekhaya. Elikhaya lichongwe ngabahlali ukuyoxhasa umama wakhona ngenxa yesimo aphila phantsi kwaso sokungathathintweni.

Abahlali baye bakhethe umzi, ingakumbi leyo ihlala omama kungasekho mntu ungutata, nemeko yakhona inzima kungekho mntu ubeka kutya etafileni. Olusapho lakwaMajangaza luthe lacocelwa indlu ebisele yophukelwe  nazifestile. Inkosi  abahlali kwakunye nobhodi belali bathe babetha kubo ezimpokothweni baluxhasa olusapho.Inkosi zithe gqolo ukuwuqhuba lombono wokunceda kwabo basweleyo.

U- Nkosi uJongisizwe Xhathi uvakalise ukuba  babone ukuba bayonikela kwelikhaya kuba ngumzi ongenanto, kwaye uthi bakwenza minyaka le oku bencedisa amakhaya  angathathintweni, bebambisene no wadi komiti, Bhodi  kwakunye nabanye abantu.

Ongumama kwelikhaya uNomeva Majangaza  ebengawuvali umlomo evuyela ukuba indlala izakukhe isuke okwentsuku ezithile, esithi kwikhaya eli kunzima kodwa bayancedwa ngabantu. Abo banikeleyo kunyaka ozayo bazakuthi bajonge kwakhona Ikhaya abanokulinceda.