Isikolo songanyelwe kukuqhawuka kombane kumagumbi okufundela.
Ntsikelelo Jonga | Bloekombos – Kraaifontein
Esi sisikolo i-Bloekombos Secondary School esise Old Paarl Road, Bloekombos, eKraaifontein kwaye sisakhiwo esikhulu sanamhlanje sezitena esakhiwa kwiminyaka embalwa eyadlulayo ukunika ithemba eKraaifontein. Namhlanje elothemba liyacima ngokwenyani.
Oku kubangelwa kukuba Ukuza kuthi ‘ga’ ngoku esi sikolo sinabafundi kunye nootitshala abamalunga nana-2,037 (uqikelelo).
Kodwa kangangeeveki, mhlawumbi iinyanga, esi sikolo sihlala singenawo umbane.
Kwenzeke ntoni? Esi sikolo sasinawo umbane. Kodwa abahlali abenza uqhagamshelo lombane olungekho mthethweni batsala ngqo kwiintambo zombane zesikolo. Umonakalo wabamkhulu kangangokuba umbane wonke uyawa. Ngoku isikolo simnyama kumanye amagumbi. Yimeko ke le eyenza bahlupheke kakhulu
abafundi abangabantwana babo bahlali kanye kunye nabafundi abavela eFisantekraal, eScottsdene, eWallacedene nakwezinye iindawo ezingqongileyo. Bahamba imigama emide ukuze bahlale kumagumbi okufundela abandayo namnyama ngexesha lengqele. Iinkonzo ezingasasebenziyo ziquka
amagumbi eekhompyutha , afile. Akukho khowudi, akukho zakhono zedijithali zabafundi bakaMatric. Ikhitshi kwanenkqubo yokutyisa ukutya akunakukwazi ukuphekwa okanye ukugcinwa. Abafundi abalambileyo abakwazi ukufunda. Izibane zokhuseleko kwakunye neCCTV zesikolo zisengozini yobusela kunye nokonakaliswa ebusuku.
Iilabhoratri zeSayensi imifuniselo, imisebenzi ebonakalayo yabafundi bebakala le-12 ayikwazi ukwenzeka kwIholo lesikolo, iholo elihle, elikhulu elingakwaziyo nokuqeshiselwa imisitho yoluntu, imingcwabo, okanye iinkonzo zecawe xa uqhawukile umbane nto leyo echaphazela i ngeniso-mali esikolweni.
Ukuphelelwa ngumonde kuyaqhuma.Ootitshala bazama ukufundisa ngetshokhwe kunye nokuthetha kakhulu, kodwa abakwazi ukufundisa iSayensi okanye i-IT ebumnyameni. Abafundi badanile. Abazali banomsindo. Abagcini besakhiwo bakhusela isakhiwo esingenakukwazi ukukhusela ikamva labantwana/abafundi”, la ngamazwi athethwe ngomnye wabazali babantwana abakwesisikolo nongafunanga ukuba silikhankanye igama lakhe ngeenjongo zokukhusela impilo okanye ubomi bakhe. Uchaze ukuba abantu abenza oku baya esikolweni bevathe iqaqa xa sebefuna lombane wesikolo. Simbuza ukuba ucinga ukuba yintoni enokwenziwa ukuzisa isisimbululo uphendule wenjenje, “IsiXeko saseKapa kwakunye no-Eskom mabalungise ngokukhawuleza kwaye bakhusele inkonzo yonikezelo lombane wesikolo. Mabaphathe izikolo njengeziseko ezibalulekileyo, hayi nje esinye isakhiwo. Kwaye ke lona ISebe leMfundo leNtshona Koloni malinikele ngejenereyitha okanye isixhobo sokugcina umbane welanga ngelixa ukulungiswa kuqhubeka ukuze ingalibaziseki inkqubo yokufunda nokufundiswa kwabafundi.
Amapolisa kwakunye necandelo lonyanzeliso loMthetho mabaqwalasele kwaye balwe uqhagamshelo olungekho mthethweni, kubotshwe namasela eentambo, angabaxwayisi nje kuphela, ze uluntu lona luxele uqhagamshelo olungekho mthethweni.
I-Bloekombos Secondary yakhelwa ukukhanyisa iingqondo. Namhlanje ihleli ebumnyameni ngenxa yethu”. Ukanti ke kwelinye icala uluntu lubonakalise ukoyika ukuvela ngaphambili ngako oku kuba lusithi loyikisela ubomi balo nangona nje lemeko ibachaphazela kakhulu abafundi besikolo esi. Bakhe baphuma abafundi ngelokuqhankqalazela ukungabikho kombane kwisikolo esi kodwa uqhankqalazo olo alukhange lubenamiphumela. Luninzi lwabafundi olunye oluphuma eFisantekraal, Stellenbosch, Khayelitsha naseKraaifontein abafundi abafunda kwesisikolo.


