CommunityLocalNews

Abahlali baseMbambeni bazakhela indlela 

Intatheli: Monwabisi Khininda | Sajonisi

Abahlali baseMbambeni kuwadi-18 phantsi komasipala waseSajonisi bathi bazakhela indlela ngokwabo ngenxa yokungabikho kwendlela esemgangathweni kule ndawo. Ngokwengxelo yabahlali, abantwana banyanzeleka ukuba baye kwezinye izikolo emva kokuvalwa kwesikolo sendawo ngenxa yokubaphantsi kwamanani abafundi. Bathi abanye abantwana bahamba umgama omalunga ne14 km ukuya esikolweni. Abahlali bathi bacela uCeba wabo abancede kulemeko ngeyoMdumba ku-2025 baza baxelelwa ukuba indlela izokwakhiwa.

Bahambisa bathi ngeyoKwindla 2025 kwafika iilori zaza zathulula amatye,kodwa umsebenzi awuzange uqhubeke. Ngomhla we-16 kweyoKwindla 2026 abahlali bathi bagqibe ekubeni basebenzise loo matye ukuze baqale ukuzakhela indlela. Abahlali bacela uncedo besithi eyona nto ibaxhalabisayo kukuba abantwana kuquka nabo bakwibanga uGrade R bahamba umgama omde ukuya esikolweni phantsi kweemeko ezimanzithinzithi.