CommunityNews

Lisulwe inyembezi usapho lakwa Xuma

20 kuCanzibe 2024 – Yonela Mpaka

Amalungu ombutho we Zion church Board kumasipala iDr AB Xuma atyelele kwilali yaku Manzana kwikhaya lakwa Xuma ukuyonikezela ngezinto zokokha nabazicele kwenye yevenkile zalapha. Ikhaya lakwa Xuma lathi lahlelwa sisithwakumbe sokutshela yeyonandlu eyakhe uankulu kunazozonke nebigcwele qhu yifenitshala kuquka nempahla zosapho zokunxiba.

Lo mlilo wadlula nomntwana omncinci welikhaya newafunyanwa sele engamathambo. Olilungu losapho la kwa Xuma utata uSthembele Gcanga uthi isiganeko sabothusa kakhulu kwabakho amalungu osapho abalekiselwa esibhedlele nasangena ephuma elinye lasweleka, xa kunamhlanje esithi benza umbulelo kuye wonke umntu omana ukungena kwelikhaya.

“Sibulela  abantu abamana bezophosa esivivaneni kuba akhokwanto ikhoyo kulomzi, ifenitshala kanokutsho  itshe yamnyama akwabonakala kwanto,ivenkile le ibambisene nombutho ozise  izitena nesamente sithi kuyo sabulela kakhulu,“ utshilo utata uGcanga Ongunobangela wokukutsha kwalomzi ngunyana wekhaya owayephantsi kwempembelelo zeziyobisi.

Abombutho iZion church board phantsi kwenkokheli uSivuyile Platyi uthi khange bakwazi nokulinda emva kokuba beve esisithwakumbe babophelela ukuyocela kwivenkile ezithengisa impahla yokwakha, uthi abeshishini khange bathandabuze ngokukhupha amancedo kungoko besithi kwikhaya maliphinde lizame ukuvusa enye indlu, uthi basajonge ukuphinda baye nakwezinye indawo uyocela bebulela ukuncediswa xa bethe  bashukuma bengulombutho.Ikhwelo lisahlatywa kwabo bakwaziyo unikela.