Uncategorized

Bayaphela abantu sisakhiwo iJudi eNgcobo

01 September 2026 | Yonela Mpaka | Ngcobo

Kufunyenwe intombazana sele ibhubhile kwisakhiwo sase Judi esisedolophini eNgcobo. Esisakhiwo  seso sathi sawela abantu basweleka kunyaka esimshiya ngasemva. Intwazana eselula neqikelelwa kwi minyaka engamashumi amabini anethoba ifunyenwe sele ibanda ngaphandle kwesisakhiwo, nekucaca ukuba usweleke ngobusuku.

Unobangela wokusweleka kwalentwazana  usaphandwa ngamapolisa.Isakhiwo esi seso sasikhe sanikwa ingqwalasela ngenxa yesithwakumbe esathi  sehla nekwakuthenjiswe ngokuba sakuthi  sidilizwe.

Amaphara sele iyindawo yabo yokufihla intloko kwezingqele namaqhwa kuba akusekho minyango, liholo nje ekukhuthuzelwa kulo abantu abahamba ngobusuku.

Umasipala uthembise ngokusiqwalasela kwakhona esisakhiwo.Abo babethengisela ngaphandle kwesisakhiwo bakuncama ukushishina. Amapolisa abongoze uluntu ukuba luhambele kude nesisakhiwo kuba sinobungozi.