Iminikelo kaGogo waseMdantsane igqithe kuma-R45 000 emva kwevidiyo esasazeke kumakhasi onxibelelwano
Intatheli: Ntsikelelo Jonga | Mdantsane
Seyifike yedlula kuma R45.000 imali eqokelelelwe uGogo obebanjwe nokutya abekubile kwaShoprite eMdantsane. Kubonakale ividiyo esabalakileyo nalapho unogada obephangele ekhupha ngaphantsi kweempahla kumakhulu ukutya ekukholakala ukuba ukubile kulevenkile. Ngelixesha unogada ekhupha okukutya, ukho umntu obesenza ividiyo ethe yasabalaliswa kumaqonga ezonxibelelwano. Iintetho ziwa ngokuwa ebanteini; kukho abathi ibesisenzo esibi esokushicilelwa kwevidiyo yomntu omdala ngethuba kubhaqwa kuye ukutya oko, logama abanye bengakwicala likanogada njengomsebenzi nangelithi, ukuba (stealing) lityala, kodwa bekungafanelekanga kushicilelwe ividiyo. Kanti ke kwelinye icala uMandisi Tshingana emveni kokuba ebone levidiyo kumakhasi ebisabalaliswe kumakhasi onxibelelwano, uye wahlaba ikhwelo lokubongoza uluntu ukuba luncede ngeminikelo ukunceda umakhulu ukuze akwazi ukuthenga ukutya nezinye izinto azidingayo.
Iminikelo ebethelwe umakhulu omdala waseMdantsane sele idlule kuma-R45,000 emva kwesibongozo sokuqokelela imali esenziwe nguMandisi Tshingana.
UTshingana ucele uluntu ukuba lube negalelo ekuncedeni lomakhulu emva kokuba ebanjwe esiba ukutya eShoprite. Esi sehlo sisasazeke kumaqonga onxibelelwano oluntu, siveza imeko enzima abejongene nayo umakhulu.
Emva kwesi sibongozo, abantu beze neminikelo yokunceda umakhulu.
Imali eqokelelweyo izakusetyenziselwa ukubonelela ngokutya kunye nezinye izinto eziyimfuneko kuye.
Umzamo wokuqokelela imali utsale inkxaso kubantu abakhethe ukunceda umakhulu.
Le minikelo iguqule isehlo esibuhlungu laba lithuba lokuba uluntu lubonakalise imfesane kunye nenkxaso kusapho olusweleyo.

