KUZAKUQAPHELWA ISIFO SOMHLAZA EGCUWA NGEMIDLALO
Intatheli: Anele Raziya | Gcuwa
Imbaleki kwindawo ezahlukeneyo eMnquma kulindeleke ukuba zibeyinxalenye yomsitho ozakuqaphela isifo somhlaza eGcuwa kule nyanga.
Kulandela emva kokuba iqela lembaleka laseGcuwa, iMcubakazi Athletic club libhengeze ukuba liza kusindleka umdyarho weembaleki obizwa ngokuba iCancer Awareness 5KM ne5KM fun walk ngomhla wamashumi amabini anesine, 24 October.
Kulo mdyarho kuthiwa wonke ubani womkelekile ukuba athathe inxaxheba kwaye injongo zalo msitho kuxhobisa uluntu ngesifo somhlaza.
Iimbaleka eziphuma kwindawo ezahlukeneyo eMnquma kunye nangaphandle ziyamenya ukuba ziphume ngobuninzi zithathe kulo msitho.
Injongo zalo msitho kuthiwa zijolise ekufundiseni uluntu ngesifo somhlaza kwaye nabo bakwazileyo unqoba isifo somhlaza wamabele (breast cancer) bazakunikwa iqonga lokuba bafundise okanye bathethe ngesifo.
IMcubakazi Athletic Club ithi umdyarho we5KM Fun Walk uza kuqala ngaseRoma uyoqina ngaseMatankini eCuba.
Ukanti umdyarho wona weembaleki nawo uza kuqala eRoma kwilokishi yaseCuba uyojika eGompo ngasedolophini.
Ngokusindleka lemidyarho ngosuku olunye, iMcubakazi Athletic club ifuna ubanegalelo ekuphuhliseni imidlalo ingakumbi kwindawo ezisemaphandleni.
Kwaye ifune nokufundisa uluntu banzi ngesifo somhlaza ingakumbi umhlaza webele.
Izithethi zembeko ngalemini kulindeleke ibengabantu abakhe baphila nesifo somhlaza kwaye icango zivuliwe ukuba wonke ubani abhalise ngemali engangeR20 kuyo yomibini imidyarho.
Ukanti nabaxhasi (sponsors) bayamenywa ukuba bafake isandla kulo msitho uququzelelwa rhoqo ngonyaka.
ULwandiso uthe wonke ubani onomdla angabantsalela kwezi nombolo, 078 965 0624/083 538 8547.
Kwelinye icala iRoyal Strides Athletic Club yaseNdabakazi iza kubamba umdyarho weembaleki obizwa Mbali LS Tase 5KM ngomhla wamashumi amabini anesine, 24 October, eGcuwa edolophini.
Kwaye nanku mdyarho weMbali LS Tase 5KM uvulelekile kuye wonke ubani.

