Isikolo iMasibambane Senior Secondary ibibambe umsitho we ‘Valedictory.
Intatheli: Ntsikelelo Jonga | Bloekombos – Kraaifontein
Nanjengoko ngeli ixesha lonyaka nalapho abafundi bebakala leshumi elinesibini (Grade 12) okanye ke ibanga leshumi (standard 10/matric) kufikelela kubo ixesha lokubhalwa kweemviwo zokuphela konyaka minyaka le, nakuwo lo unyaka kubenjalo kwisikolo iMasibambane esizinze phaya eKraaifonten nesiphantsi kolawulo lwemikhala nguNqununu uMnu Mnyaka.
Esisikolo sinembali yokunkqenkqeza phambili kwiphondo leNtshonakoloni apha eminyakeni. Ewe, nanjengazo zonke ezinye izikolo besikhe sibenayo imingeni esijongana nayo, kodwa noxa kunjalonje kugqibela kubonakala imincili, uvuyo nochulumanco kubafundi, abazali kwakunye nabefundisintsapho. Oku kungqinwe yimbonakalo ebicace naku’thathatha’ ngomhla we-12 kule yeDwarha xa abafundi bebebonakala bewonwabele lomhla walomsitho wabo; ingasikuko okungumsitho kodwa okungokuqulela ukuqubisana nokuqala kwabo ukubhala iimviwo zokuphela konyaka. Intswahla kwanokuyiyizela ngaphakathi eholweni lesikolo iye yavakala ngamandla ngethuba uNqununu wesikolo kwintetho yakhe esithi, “100 pecentage pass rate is loading for Masibambane Sec”.
Lentetho ibonise ukuthenjwa kwabafundi besikolo esi kwanokubanika ihlombe,inkuthazo kwanokuzithemba ekubekeni esisikolo kwizinga eliphezulu lokupasa. Abazali bebephume ingu’mbo nomxesibe bezalise iholo lema ngeembambo ukuza kunika inkxaso kubantwana babo kulomsitho ovulwe ngomthandazo nguNyawontle obecelelwe oko. Ukanti ke umsitho lo wenziwe iziqingatha ezibini: Uqalwe kumasango esikolo waze wyokugqityezelwa ngaphandle kwamasango ngendlela yokukhutshwa kwabafundi aba (outing), okubangele ukuxhamla kweshishini lenkonzo yezothutho lasekuhlaleni (Community Taxi Industry).

