Afumene inkxaso amafama waseMbhashe
Intatheli: Anele Raziya | Mbhashe

Amafama alimayo kwindawo yaseXhorha eMbhashe nabizwa, iSiyalima Agricultural Farming primary cooperative afumene inyhweba yokuphiwa izixhobo zokusebenza kwiveki ephelileyo.
Oku kwenzeke ngexesha isebe elijongene nokuphuhlisa uluntu (department of social development) belibambe umsitho wokuqaphela usuku lwe-International Day for the Eradication of Poverty kwilali iDabane eXhorha.
UMphathiswa wesebe uMama uBukiwe Fanta, uSodolophu waseMbhashe, uGqirha Samkelo Janda, iinkosi, amasebe awohlukeneyo karhulumente nabahlali bebephumile bonke bezimase lo msitho wokuqaphela elisuku.
UGqirha uJanda ibenguye owomkele uMphathiswa uFanta kunye neendwendwe ebeziyinxalenye yalo msitho kwaye wenza nentetho emfutshane echaza ngeenkqubo zabo zakwamasipala ukuncedisana noluntu ukulwa indlala.
Emva koko uye wanikezela kuMphathiswa uFanta ukuba anikezele ngeezixobo zokusebenza kumafama kwaye atyale neemithi.
Amafama abizwa iSiyalima Agricultural Farming primary cooperative aye aphiwa imihlakulo, iireyikhi, amakhuba, izixhobo zokuqhekeza amagade nezinye.
Ethetha uMonwabisa November ophuma kula mafama, uthe bayavuya xa urhulumente ede waphendula kwisicelo sabo bengamafama waseMbhashe.
“Sasicele izixhobo zokusebenza singamafama kwaye siyavuya kengoku xa urhulumente esiphendule isicelo sethu ngokusixhasa ngeezixhobo,” kutsho uNovember.
Uqhube wathi ukufumana kwabo inkxaso kurhulumente lonto izakuba khuthaza nangakumbi bengamafama kwaye bazakutsho babenemveliso eyongezelelikileyo.
UMphathiswa uFanta kwintetho yakhe uthe bengurhulument banoxaduva lokuncedisa kula makhaya angathathintweni kwaye baqinisekise ukuba baphucula impilo zoluntu.
Ukwathi kufuneka baqinisekise ukuba zonke iintsapho zikhuselekile ngalo lonke ixesha kwaye kukho uxolo ngentsebenziswano emakhaya.
Uthe urhulumente uza kuqhubeka nokuhlangula encedisa kwabo banxinwe yindlala emakhaya wabo kwaye ukhuthaze nabantu ukuba bazivulele nokuba ngamashishini amancinane ngenjongo zokugxotha ikati elele eziko.


