ISebe Lezothutho lothukile ngamanani aphezulu
Mpuma Koloni
ISebe elijongene nezoThutho eMpuma Koloni livakalise udano ngamanani aphezulu wokubhubha kwabantu ezindleleni ngexesha leeholide zePasika.
UMphathiswa weli sebe uXolile Nqatha uthe ngabantu abangashumi amane ababhubhe (40) kwigozi zemoto ezahlukeneyo ephondweni ngelixesha leeholide zepasika.
UNqatha uthe lamanani wabantu ababhubhileyo anochatha xa uwathelekisa nawabantu abasweleke ngonyaka ophelileyo kwangelixesha lepasika.
Uthe lonto ayibonwabisi belisebe kuba kucacile mhlophe ukuba abaqhubi abayihloniphi imithetho yeezendlela.
Uqhube wathi ungabikho kwenkathalo ebaqhubini nalapho beqhuba bediniwe nokuqhuba ngesantya esiphezulu zezinye zezinto abaziqapheleyo ngexesha behamba besenza uvingco lweendlela ephondweni (roadblocks).
Ukhwelisa amanani angaphezulu komlinganiselo kwizithutho (overload),uthe yenye yezinto ekufuneka nabakweli bangayivumeli yenzeke kuba nabo belisebe bayibonile ngexesha bemisa iimoto xa bevingce iindlela zeli.
Uye wancoma kwicala lokuba zehleli igozi zokugiliswa kwabantu abahamba ngenyawo zimoto kunaxa uthelekisa kunyaka ophelileyo.
Abaqhubi bezithuthi uthe mabazifundise ukuyihlonipha imithetho ngalo lonke ixesha bangakwenzi oko xa iizintsuku zika xakeka kuphela.
Uvalelise ngelithi bazakuqhubeka belisebe betyala amagosa wabo endlela kwindlela zonke zaseMpuma Koloni.
Emveni kwale holide yePasika uNqatha kulindeleke ukuba athi thaca ingxelo epheleleyo malunga nokuqhubekileyo kweziholide.


