Bayakude eDeberha
27 April 2023 – Yonela Mpaka
Ngcobo
Omama belali yase Deberha eNgcobo abathungayo nbanikezwa imetshini kwakunye nezetifethi ngumasipala wase Dr AB Xuma. Ezizixhobo zokuthunga zinikwe omama be project sezahlunekeyo ngenjongo zokubakhuthaza ukuba bphambili noku bakwenzayo. Umama uNozipho Maweni nongumthungi ovunyiweyo uthi baqale ukuthunga kwiminyaka emibini edlulileyo nababeziqalele bengomama abalishumi kuba bebona akhonto bayenzayo.
“Siyathunga ngoku yonkinto nempahla yesikolo yabantwana siyikhupha injalo, sikhe saxhaswa ngaphambili ngezixhobo kuba nangoku siphinde sazonikwa kwakhona ezinye izixhobo sikwanikwa nempepha za ezichazayo uba lomsebenzi siyawenza ngaphandle kwamathandabuzo, sikhuthaza nabanye omama uba baze kuthi sizothunga, sibulela kumasipala nakwinkampani yakwa Dicla eyasiqalisa lento yokuthunga sisithi oku bakwenzayo balwenza ukhanyiso kuthi nosapho lwethu, “utshilo Umama uMaweni.
Umasipala uyaqhuba ukuxhasa abo bavuka bazenzele. Usodolophu womasipala wase Ngcobo uCllr Siyabulela Zangqa uthi bafuna omama abazenzela izinto bengaxhomekekanga ekukhongozweni. ” Sibanika ezimatshini sisithi indlela yokuziphilisa ixhomekeke kubo ngoku, sifuna imali abazakuthi bayenze incede kumakhaya wabo bakwazi ukubeka ukutya etafileni benze nezinye izinto, sikhuthaza noba bahlabe ikhwelo nakubantu abatsha ingabingabobodwa, sikwathemba ukuba bakusebenza ngokuvisisana, “utshilo uZangqa. Omama abaxhamleyo bathembisa ngokuba bakuzikhusela zonke izinto abaziphiwa ngurhulumente


