Abalindelekanga baphinde bakhale abaseAmatole
27 April 2023 – Anele Raziya
Ngqushwa
Abahlali baseMnquma, Mbhashe, Raymond Mhlaba, Ngqushwa, Amahlathi eGreat Kie nakwezinye iindawo, akulindelekanga ukuba baphinde bakhale ngokusilela kwenkonzo zogutyulo lwelindle namanzi kumasipala wesithili seAmathole.
Kulandela emva kokuba umasipala waseAmathole uqeshe uGqirha Bhekisisa Mthembu njengo manejala omtsha womasipala engena kwisithuba esashiywa nguThandekile Mnyimba.
Kwesi sihlalo sobumanejala bekufudula kubambele uMonwabisi Somana emva kokuba kwahamba uMnyimba kuso.
Kwiveki ephelileyo ibhunga laseAmathole lithathe isigqibo sokuba liqeshe uGqirha Mthembu njengo manejala womasipala nozakuthi axhuzule imikhala kule minyaka mihlanu ilandelayo.
Usodolophu waseAmathole uAnele Ntsangani uthe unethemba lokuba uGqirha Mthembu uzakuza neeguqu kwaye neenkonzo zizokuphucuka xa kuthelekiswa nakuqala.
UNtsangani uthe belibhunga bamamkela ngeezandla ezishushu umanejala omtsha kwaye banethemba lokuba amava wakhe nemfundo yakhe iyakudlala indima ebalulekileyo kumsebenzi wakhe.
UGqirha Mthembu uchithe iminyaka engaphaya kweshumi ebambe kwizihlalo ezahlukeneyo kwisebe lorhulumente basemakhaya nto leyo ebonakalisa amava wakhe.
Kwaye ngokwemfundo, ungumntu onesakhono kwicala lezoshishino nakwicala lezimali.
Kwintetho yakhe ayenzileyo ngexesha engane esihlalweni, uGqirha Mthembu uthe uzimisele ukusebenzisana naye wonke umsebenzi kwaye ufuna abasebenzi basebenze ngokuzimisela ngaphantsi kolaluwulo lwakhe.
Iinkonzo ezingundoqo yinto athe uzakuyibeka phambili uqinisekisa ukuba bonke abantu abangaphantsi kweAmathole bayaxhamla kuzo.
Uqhube wathi uzakuqesha nabantu ukuvala izikhewu ezikhoyo ngaphakathi kwamasipala ingakumbi ezo zoomanejala.
Ngaphantsi kwesakhe isikhokhelo uGqirha uMthembu uthe wonke umntu kuzofuneka aqinisekise ukuba wenza umsebenzi wakhe kwaye ngendlela efanelekileyo.
UNtsangani ucele bonke oomanejala ukuba bamnike inkxaso emfaneleyo uGqirha Mthembu kwaye basebenzisana uqinisekisa ukuba uluntu lwaseAmathole lifumana inkonzo ezingcono.
Kwixesha elidluleyo umasipala waseAmathole ubufudula ungundabamlonyeni ngenxa yokungabikho kwamanzi kwindawo ezifana naseMnquma nto leyo eyabangela uqhankqalazo olwagqiba iveki abantwana bengasayi nasesikolweni.
Ukungena kuka Gqirha Mthembu kuyonika ithemba kubahlali ingakumbi kwabo basafuna ufakelwa amanzi kwindawo zabo.

