CommunityLocalNews

Mazithenwe izidlwengu-Majola

25 May 2023 – Monwabisi Khininda

UKhululekani Justice Ngqeza (36) nobesaziwa njengesidlwengu sakuFacebook eGqeberha, ude wagwetywa ubomi bakhe bonke ethothoza kwezibandayo izisele. UNgqeza ngoLwesithathu weveki ephelileyo ugwetywe ubomi iminyaka engamakhulu amabini anamashumi asibhozo (280) ngenxa yokudlwengula abasetyhini eGqeberha, kuKomani, eMonti naseKapa, phakathi komnyaka wama-2019 ukuya ku-2020.

Alishumi amantombazana awadlwengulwa ngulo mfo.Iminyaka yawo iphakathi kweminyaka elishumi elinesihlanu namashumi amabini ananye (15-21) ubudala. Ehlomla ngesi sigwebo senkundla ephakamileyo yaseMakhanda, uPetros Majola nowaziwa njengetshantliziyo elichasene nokuphathwa gadalala ngokwesondo nokubulawa kwabasetyhini uhlabe ikhwelo lokuba mabathenwe abo bafunyenwe benetyala ngenxa yokudlwengula.

“Ndiyasamkela sona isigwebo kweli tyala kuba siqatha kwaye sithumela umyalezo ongqongqo eluntwini, ngelithi ayizuphinde inyanyezelwe le yokudlwengulwa kwabasetyhini. Qha ingxaki yeyokuba le nto ayide iphele. Nam ngoku ndifuna ukungqinelana nekhwelo le-ANC Women’s League elalisithi mabatyunyuzwe ubudoda abadlwenguli,” utshilo uMajola.

Nangona kunjalo uMajola uyigxininisile eyokuba oko kuthenwa makwenziwe emva kokuba inkundla ifikelele kwisigqibo esingathandabuzekiyo ukuba ummangalelwa ngokwenene nguye lo wenze elo nyala. “Ngaphambili ndavakalisa uloyiko lokuba kungathenwa umntu kanti ayinguye lo utyholwayo, okanye kuthi kanti akenzanga nto. Kaloku siyayazi eyokuba amapolisa eli aneempazamo ezininzi kuphando alwenzayo kumatyala amaninzi.Kodwa ngoku ndithi ukuba nje umntu uthe wafunyaniswa enetyala ngokungenakuphikiseka,makathenwe,ukwenzela ukuba angaphinde abe nenkanuko.Ukuba unazo maziphelele entliziyweni.”

UMajola uthe iyakhwangqisa eyokuba abasetyhini babe basaqhubeka nokulotywa ngamadoda kuFacebook nangona kuvakele iiingxelo eziliqela ngaphambili zokudlwengula nokubulawa kwamaxhoba ngamadoda adibene nawo kuFacebook. “Kutheni abantu basenesibindi kangaka? Siyacela ngoku ukuba umntu makangayi kumntu angamaziyo adibene naye kuFacebook  okanye amanye amaqonga onxibelelwano.”