CommunityNews

Kugxekwa amapolisa ngokufeda ukulwa ulwaphulo mthetho

29 June 2023 – Monwabisi Khininda

Coffee Bay

Abahlali belali zaseCoffee Bay eMqanduli bagxeka amapolisa ngokufeda ukulwa ulwaphulo mthetho kulendawo. Oku kuvakaliswe ngabahlali belali yaseKhondlo naseXonyeni kufuphi ngethuba leMbizo eziququzelelwe lisebe loKhuseleko loLuntu ngoLwesine.

Umhlali uNancy Gijana uthethe wenjenje : “Ndakruquka kukuya emapoliseni ndibuye ndingancedakalanga.Bendinengxaki kwindawo endihlala kuyo ndaza ndayovula ityala kodwa zange ndincedakale.Andisenalo ithemba lokuncedwa ngamapolisa.”

Lo mmandla wonganyelwe lulwaphulo mthetho oluquka ukubulawa kwabantu,ukuxhonyiswa kuxhotyiwe,ukubethwa konzakaliswe abantu,nokusetyenziswa kweziyobisi.UZukiswa Dube wesebe leZokhuseleko loLuntu uthe: “Bahlali sanuthula nibona amapolisa arhwaphilizayo.Sizokhuthaza abahlali ukuba bathethe ngeziganeko zolwaphulo mthetho olwenziwa ngamapolisa.Ukuthula ubona kusophulwa umthetho lulwaphulo mthetho.

INkumanda yesikhululo samapolisa saseCoffee Bay uLueitenant Colonel Sandla Myezo uthi bayavuma amapolisa akasebenzi ngendlela encomekayo. “Siyavuma asisebenzi ngendlela eyamkelekileyo kodwa siyazama ukuphuculwa kwendlela asebenza ngayo amapolisa.Sicela ukunikwa ithuba silungisa iimpazamo zethu.Makuhletyelwe iNkumanda yamapolisa ngolwaphulo mthetho,”kutsho uLueitenant Col.Myezo.

Phakathi kwamasebe abezimase le mbizo aquka isebe loPhuhliso Lwentlalo,eleZemfundo,NPA,Eastern Cape Liquor Board,SONGE SOCILA CHANGE namanye.