CommunityNews

Itshe yaluthuthu ikhemesti yaseMthatha

29 June 2023 – Monwabisi Khininda

UMthatha

Akukacaci ukuba sithini isizekabanisokutsha kweKhemesti yaseMthatha (Mthatha Pharmacy) ekwisitalato iYork Road eMthatha. Kodwa onokrawuzana barhanela legenge yaphesheya kocingo (abaphambukeli abasuka kumazwe angaphandle).

Esi siganeko senzeke ngorhatya lwemivundla ngoLwesihlanu. Kanti ivenkile yodumo iJimmy’s Supperspar nayo yatsha yaphela kwiveki ezimbini ezidluleyo. Nayo awukaziwa unobangela womlilo amapolisa asaphanda. Njengokuba kusoloko kuqhambuka imililo engaziwayo umasipala waseKing Sabata Dalindyebo ukhala ngokuba unesithuthi esinye sokucima umlilo. Abahlali bayazibuza ukuba ngaba lizozalisekiswa na iphupha lokuba lo masipala akhule abeyiMetro ngonyaka ka-2030. Sezine iindawo ezitshatyalaliswe ngumlilo eMthatha emva kweTranskei Hotel neGrosvenor Hotel.Kuzo zonke ezi ziganeko unobangela womlilo awukaziwa.