Uzakukhunjulwa ophuhlise imidlalo eMnquma
13 EyeKhala 2023 – Anele Raziya
EGCUWA
USodolophu woMasipla waseMnquma eGcuwa, uTunyiswa Manxila-Nkamisa ekunye noogxa bakhe ebhungeni, baphinde babonakalisa igalelo kwicala elijongene nokuphuhlisa imidlalo ekuhlaleni.
Kulandela emveni kokuba uManxila-Nkamisa ekunye nabanye ooceba banikezele ngebala elitsha kraca lebhola yomnyazi kubafundi besikolo i-Lingomsolethu Special School kwindawo yaseMission eMnquma kutsha nje.
Ethetha ngexesha enikezela ngeli bala uManxila-Nkamisa, uthe ukwakhiwa kweli bala labafundi abanezidingo ezikhethekileyo, kuyinxalenye yenkqubo yomasipala yokuqinisekisa ukuba wonke ubani uyaxhamla kwinkonzo ezimfaneleyo.
Uqhube wathi bachulumance kakhulu bengumasipala ukuba babenegalelo elibonakalayo nakwicala lokuphuhlisa ezemidlalo ekuhlaleni, ngokuthi bokhe amabala wokudlala akumngangatho oncomekayo.
Unabe wathi, umasipala unecandelo ekuthiwa nguSpecial Programme Unit’s (SPU), injongo yalo kunceda abantu abanezidingo ezikhethekileyo njengabantwana besikolo iLingomsolethu nabaphila nokhubazeka.
Ucacise wathi, elicandelo liye lincedise nakwabo baphila nentshologwane ugawulayo xa bendinga uncedo kwizinto ezithile.
Ulutsha, amanina, abantwana kuquka nabantu abadala nabo bayaxhamla kuSPU xa kukho ezo zidingo zabo kufuneka zisombululwe.
Rhoqo iminyaka, uManxila-Nkamisa uthe ibakhona imali abayinika elicandelo lakwaSPU ukuze lincede abo badinga ukufumana uncedo.
Uthe ngelinye ixesha icandelo uSPU uye uncedise nasekuthengeni izitulo ezinamavili ahambayo (wheelchair).
Uvalelise ngelithi bayayixhasa into yabantwana abaphila nokhubazeka ukuba mabathathe inxaxheba nabo emidlalweni kwaye kufuneka benzelwe amabala alungele imeko yabo nezixhobo zokudlala.
Isikolo iLingomsolethu Special School siso sodwa kwingingqi yaseAmathole East esinabafundi abafumana izidigo ezikhethekileyo.
ISebe lezoGcisa nezeNkcubeko, Isebe leMfundo esiseko namanye amasebe eneyinxalenye yalo msitho wokunikezelwa ngale libala lezemidlalo.
Abahlali bendawo yaseMission nabafundi bavakalise ukulivuyela ibala abalakhelwe ngumasipala wabo.

