LocalSports

Usodolophu wase Mnquma ukhuthaza imidlalo

13 EyeKhala 2023 – Anele Raziya

EGCUWA

Uzokhunjulwa ngeemidlalo odlale indima enkulu kwicala lokuphuhlisa imidlalo ingakumbi ibhola ekhatywayo eGcuwa kwaye wavelisa nabadlali abakwizinga eliphezulu abafana noLudwe Mpakumpaku owayenguKapteni weTS Galaxy, uLuxolo Matikinca osele esebenza njengo manajala kwiSekhukhune United nabanye.

UDumentlango “Bra Dzu” Koyana ongasekhoyo emhlabemi, uzokhunjulwa ngokuthi kusindlekwe imidlalo yebhola ekhatywayo yabaneminyaka engaphantsi kweshumi elinesithathu (U/13) nabo bangaphantsi kweminyaka elishumi elinethoba (U/19.

Injongo zale midlalo kufuna uqhubeka nomzila kaKoyana wokuphuhlisa abantwana kwibhola ekhatywayo bade bayokufikelela kula maqela ahlawulayo.

U-Bra Dzu, ligama ebebizwa ngalo emabaleni, waye wazenzela udumo ngexesha wayesadlala kwiqela iBlackburn Rovers yaseGcuwa eyayidlala kwiNational First Division ngeloxesha.

Ukuyeka kwakhe ukudlala waye wangumqeqeshi weYunivesithi yaseGcuwa, i-Walter Sisulu University nalapho ngo2005 wenza imbali ebhunqa zonke iiDyuvesithi zeli loMzantsi Afrika, wabuya nentshinga yebhola ekhatywayo esiza nayo eGcuwa..

Ngeloxesha wayedlala ngabadlali abafana noWanda Mtwa, Luxolo Matikinca nabanye abaphuhliswa nguye.

Njengokuba wayengumqeqeshi owayenesakhona wakhe waxuzulu imikhala nakwiBlackburn Rovers nalapho ekwaqeqesha abadlali abafana noMtwa wazokuvelisa noLudwe Mpakumpaku oyintshatsheli yeNedbank Cup emva kokuba iTS Galaxy yabethe iKaizer Chiefs kumdlalo wamanqam eDurban ngo2019.

UMtwa uthe kwinyanga ezayo uqala nge26-27 Ogasti bazakubamba imidlalo kwibala laseWalter Sisulu University Bika Campus ngeliqaphela imisebenzi kaBra Dzu.

Amaqela adlala kwiMnquma local football association (Mnquma LFA) ngawo azakuba ekhuphisana kule tumente ibizwa ngokuba yi-BRA DZUU’S 3rd edition soccer tournament.

Le midlalo uMtwa uyichaza njenge yona ibaluleke kakhulu kubo bona bantu babedlala ibhola ngaphantsi kwesandla sika Bra Dzu kwaye babulela igalelo lakhe kubo ngale tumente.

Amagqala wezemidlalo wasekuhlaleni nabo bebedlaliswa nguBra Dzu bazakube bekhona ukuxhasa itumente.

Amaqela azakuphumelela kule tumente azokugoduka neekiti, iimbasa zeesilivere ,ezegolide, abadlali ababalaseleyo nabo bazakuwongwa.