Crime & SafetyLocalNews

Ubetha ebuyelela uForenzikhi eMqanduli

13 EyeKhala 2023 – Monwabisi Khininda

EMQANDULI

Iquqa ibuyelela imoto yakwaForenzikhi ethutha izidumbu, kwilali yaseSikhobeni eMqanduli.Oku kwenzeka ngenxa yokuthi gqolo kubulawa iinkondekazi  zityholwa ngokuthakatha logama ezinye zidlwengulwa. Amatyala onke aphelela esithubeni. Ezi zikhalazo zivele ngethuba lephulo lokufundisa ngobundlobongela obusekelezelwe kwisini kwisikolo iLiwa Laphakade eSikhobeni kwiveki ephelileyo.

Lo msitho ubuququzelelwe ngumasipala wase-KSD, iSONGE SOCIAL CHANGE kunye namapolisa.Inkondekazi engavumanga ukuchazwa ngegama ekwalixhoba lodlwengulo ithe : “Ukuba uyalala unexhala, sibulawa ngabantu esibaziyo. Simanyonywana asimandanga kwaphela apha. Akubanjwa mntu ngamapolisa aseMqanduli. Inyanga nenyanga uForenzikhi uchola izidumbu zabantu abacinezelweyo babulawa akukho nyanga iphakathi.”

Omnye umhlali uMlamli Jara uthi akukho nkqubela kumatyala avuliweyo. Uthi abantu bazingxwelerha logama amapolisa efeda ukusebenza.Ukhwele ezehlela emapoliseni. UAyanda Mtshelwa weSONGE SOCIAL CHANGE uthe: “Sikhuthaza abantu bangathuli. Mabeze kwinkampani ezifana nathi,banelungelo lokwazi kwenzekani ngetyala elivuliweyo emapoliseni.”

USajini Vuyiswa Siba wamapolisa aseMqanduli uthe: “Akukho nyani esiyifumanayo eSikhobeni.Asikwazi kubamba singanikwa iinkcukacha ngokubulawa kudlwengulwe abantu. Kulahlekiswa amapolisa ngezi ziganeko. Ndizobiza uMasitishi azothetha nabahlali.” Inkondekazi elixhoba lokubulawa kutsha nje eSikhobeni ingcwatyiwe ekuqaleni kwalenyanga.