Local

UMsasazi weUCR FM ubuye nembasa

Monti

UBongani “KFB” Kuzani ongumsasazi wesikhululo sosasazo i-UCR (Unitra Community Radio) ezinze eMthatha, ubuye nodumo xa ephumelela imbasa kwi-Eastern Cape Hustlers Awards kumnyhadala obuqhutyelwa kwiholo i-Orient Theatre eMonti, kwimpelaveki esiphumakuyo. UKuzani oyinzalelwana yaseLuyengweni kwaBhaca uphumelele imbasa kwicandelo leBest Media & Journalism.

Olu khuphiswano nobelubanjwa okokuqala lutsale amangenelo kumacandelo ohlukeneyo kwaye umchongwa ebephumelela ngokwenani leevoti zabantu abamxhasileyo. Olu khuphiswano belunezigaba ezibini, kwisigaba sokuqala bekufunwa abantu abane (4) kwesesibini isigaba bekukhuphisana ababantu bane abafikelele kumagqibelakanqoyi. Umntu ogqwesileyo ibingulowo obenevoti ezininzi.

Ngethuba lodliwanondlebe nelijelo uBongani uthethe wenjenje: “Bendisoyika kakhulu ngakumbi ngokusele sikumanqam singabachongwa abane, ndincedwe ngabaxhasi bam abebe mane bendomeleza bendixelela ukuba le ndebe yeyam, ndizobuya nayo.” Uqwele ngokubulela abantu abamxhasileyo ngokumvotela ememelela ukuba nangenye imini xa etyunjelwe olunye ukhuphiswano zebangamyekeli baqhubeke nokumvotela.

UMphathi weenkqubo zesikhululo i-UCR FM okwa nguMphathi wesikhululo uVuyisa Talisa Kulase uthe: “Ndidlulisa amazwi okubulela inkxaso esiyinikezwa ngabaphulaphuli kwelijelo loluntu, inkxaso yamalungu ebhodi elawula isikhululo kunye nenkxaso yesigqeba endisebenzanaso, ziziqhamo zomsebenzi wabo, endingekhendi bashiye ngasemva abatyali zimali kwelijelo. Ndithi eNkosi ngenkxaso yenu.”