Kubhubhe ishumi elinesihlanu kwingozi yendlela
13 EyeKhala 2023 – Monwabisi Khininda
KUKOMANI
Ingxelo idandalazise ukuba lishumi elinesihlanu labantu abathe baphulukana nemiphefumlo kwingozi emasikizi yomgaqo. Ingxelo ekhutshwe ngu-Unathi Bingqose osisithethi kwisebe leZothutho eMpuma Kapa ithi isigadla sigilise isilwanyane sasendle kwaze kwakhululeka isikhoji kwisigadla. Umqhubi wekhumbi uzamile ukuphepha kodwa ngelishwa wantlithana nesikhoji ebesigcwele indlela. Le ngozi yenzeke kuhola wendlela u-N 9 kufuphi neMiddleburg kwiphondo leMpuma Kapa.
Bonke abantu abahlelwe lelishwangusha bebesuka kwinkonzo yomngcwabo kuTsolo imibombo beyijolise eKapa kwiphondo leNtshona Kapa. Inkqubo yokufaniswa kwemizimba iqalisile. Yonke imizimba yabafi ithathwe yasiwa kuKomani kwindawo karhulumente yokugcina izidumbu (government mortuary). Ababhubhileyo ngabasetyhini abalithoba amadoda amane nabantwana abaneminyaka emibini.
