LocalNews

Ootata bathi mayamnkelwe ngabo igrant yabantwana

Umbaleli kaDizindaba – 27 July 2023

EMONTI

Abafana abaphantsi kombutho owaziwa ngokuba yi “Ngabethu Nathi” ne kuthiwa uneenjongo ezintle ngekamva labantwana, bamemelela okokuba isibonelelo sabantwana masihlawulwe kubo.

Kuvakala okokuba lo mbutho ekuthiwa uya unwena unamalungu awo abekhe avakalisa uluvo lwawo kuMhlobo Wenene aza afumana inkxaso enkulu. Lo mbutho uzinze phaya eMdantsane kodwa ngoku sele ukhona naphaya koo Gqeberha koo Motherwell, Marikana, New Brighton, kooKomani nase Kapa. Olilungu elikhulu kulo mbutho uAndile Makaula ose NU 2 uthe: “Oku kuye kwavuselelwa kulo mbutho wethu kukuva nokufumanisa okokuba oosisi abathile, ingakumbi aba bancinci le mali ye grant baxoza ngayo utywala phaya ezikroweni ezingekho mthethweni. Akupheleli apho kuba
enye into abayenzayo ngala makhadi kukuboleka imali koo “Matshonisa” nalapho la makhadi abantwana baye bavushiye khona.

Elinye ilungu lalo mbutho uSabelo Mdingi apha eMlungisi ku Komani yena uthe: “Mna ndithi uSASSA makenze amakhadi anjenge voucher nalapho abo sisi banokuthi bathenge ngazo njee kwii venkile ezinkulu. Kona okokuba bavunyelwe batsale imali ngawo makupheliswe.

Kuphando lwehu siyesifumanisa okokuba abanye zizikhohlekali ezingenaluvelwano koo makhulu babantwana kuba bashiya abazukulwana kubo zebaduke ngemini yomrolo wesibonelelo,” utshilo.

Ezi zityholo zalo mbutho wabafana ziye zathethelelwa nalelinye inina eliphayo kwa Section 3 eGuguletu nelithe lingapapashwa igama lalo kuDizindaba nelithe, “Mna ndiyaziphilela ngokuba nesikroxo sotywala. Kumaxesha amaninzi aba bantwana baselayo baye bacenge ukuthengiselwa ngetyala ze wakwala banikeze ngekhadi legrant.

Ndaye ndafumanisa okokuba la makhadi ka SASSA baye banikeze ngawo ne “pin” koo “Mastshonisa” xa beboleka imali,” litshilo eli nina.
Ukanti kusenjalo abanye abantu baye baxhasa eli lungu lala mbutho nelicebisa nge “voucher” baye besithi okanye le mali yenkamnkam ngekunikezwa amakhadi ayo koo makhulu bona bagcina aba bazukulwana.

Mlesi ukuba unoluvo ngale ngxeki ungathumela olwakho uluvo kwii phone zika Dizindaba okanye uthimeli i-email.