Bazityele itheko abase Thora eNgcobo
Yonela Mpaka – 27 July 2023
ETHORA
Isikolo sase Thorha kwidolophu yase Ngcobo sithe saphuma phambili kukhuphiswano lwe Coding ne Robhothi nebibanjelwe kwidolophu yase Cofimvaba. Zizikolo ezingamashumi amathathu ebezingenele olukhuphiswano noluqale kwidolophu yase Ngcobo.Le coding incedisana nabafundi bakwazi ukusebenzisa ubuxhakaxhaka balemihla. Ikhomputha zezona zisebenzayo xakusenza oku.
Izikolo zase Ngcobo zakuthakazelela kakhulu ukufumana elithuba emva kokuba isikolo sase Nduku siso esathi sawubamba umsitho wokuyiphehlela ngokusesikweni. Ongumfundi u Alizwa Mgxaji uthi ukufunda nge robhothingi kokona kunzima kakhulu kuba kufuneka umise ingqondo ungacingi izinto ezininzi.” Ukubasisikolo esiphume phambili kuyasivuyisa kakhulu kuba besisebenza nzima sizama ngandlela zonke ukwenza oku, sibulela kwititshala zethu ezisenza sigqame phakathi kwezikolo ezininzi, sikhuthaza nabanye abantwana bangene kulento ukuze bazobalwazi oluphangaleleyo,” utshilo uMgxaji.
Ongumququzeleli wale coding uPhindile Mjamba uthi izikolo umdla wazo mkhulu kungoko bejonge phambili.” Bayancediseka abafundi kuba bakho abangathathi msinya ezincwadini ibangabo ke bangompondo zihlanjiwe xakusenziwa umsebenzi wezandla, siyafuna ukuthi kwisikolo sase Thorha mhle umsebenzi esiwenzileyo sinebhongo. Esisikolo sizakuhamba ngoku siyokhuphisana nezinye izikolo ePhondweni ntoleyo esiyijonge ngamehlo abomvu siyiNgcobo, sikwacela intsebenziswano ekhoyo ingapheli phakathi kwabafundi netitshala,” utshilo uMjamba. Izikolo ezithe zaphumelela zijonge ukuyoqobisana ePhondweni.


