Litshe laphela ikhaya ngenxa ka Vutha
24 August 2023 – Yonela Mpaka
ENGCOBO
Bashiyeke bengenakhaya abosapho lakwa Zalingqele kwilali yase Qulunqu eNgcobo emva komlilo oqgugqise kwizindlu zonke. Umlilo otshise kwikhaya eli ngulowo ubizwa uVutha nongacimekiyo de kube kwenzeka lonto kufaneleke iyenzeka. Indlu yokuqgibela ethe yatsha ibiyileyo ibisindile kwezinye nesele abekhaya bebefudukele kuyo. Impahla zonke ebezingaphakathi kwezizindlu zitshe zaphela tu kuchaphazela nempahla zesikolo zabantwana.Ikhwelo elihlatywe ngulowo unguCeba kwilali uPhandle Siyabulela lincomeke kakhulu.
Ongumntwana welikhaya uthi ukutsha kwekhaya labo kubacumze intliziyo kuba bashiyeke bengenakwanto. Sophuke ngaphakathi kuba ikhaya lethu lide libeluthuthu silijongile noba umama ebone bani kodwa ukude kwenzeke ngoluhlobo akuxoleleki, asinampahla nezo bezishiyekile zikwenye indlu nebesinethemba layo vele zatsha, sicela uncedo imbi imeko esijongene nayo asikwazi nokuyinyamezela,” utshilo uZalingqele. Onguceba kwindawo lena oka Siyabulela uwenze onke amakhwelo anokuncedisa ikhaya eli.
Abesebe lezophuhliso loluntu balwenzile uncedo lokuqala nabasajonge ukunceda. USiyabulela uthi imeko enje kwabona beziziqu ibaphethe kakubi kakhulu zange bayibona enje into.
“Kubuhlungu kakhulu ukubona umzali nabantwana bengenakhaya kodwa umzi ubukhona, sicela amalizo nokuba ngubani osukaphi sicela uncedo,abantwana abanazo impahla ezokuya esikolweni,simeme nabefundisi ukuba bafake umthandazo kubi kakhulu kulomzi ,” utshilo uPhandle nonguceba kwindawo le. Amancedo ayacelwa ngabekhaya nokuba yintoni enoncedisa.

