LocalNewsPolitics

Uya phambili  umbutho omtsha kraca i-Act.

Uphehlelelwe ngokusesikweni umbutho omtsha kraca nobizwa I Act kwidolophu yase Tsomo eForty. Oku kuza emva kokuba lombutho uthe wasekwa phantsi kwesikhokhelo sika Ace Marhashule kwakunye no Jeneral Benni Ntlemeza oyinzalelwane yase Tsomo. Umdla ubemkhulu kakhulu ebantwini ngethuba bexelelwa ngalombutho uyi Act. Abantu abatsha ngabona babonakalise umdla omkhulu kulombutho. Ongu Benni Ntlemeza uthi babona emva kokuba izinto zingazange zihambe kakuhle enkomfeni bathi nabo mabazisekele owabo umbutho.

Siwusekile lombutho kuba sibona ilizwe liya kwantshabalalo akusekhonto ibhekiswa ebantwini, abantu bahleli ebugxwayibeni isimo sokuhlala sibi kakhulu, indlela amanzi abantu basela nenkomo kunzima indlela azihambeki imoto zabantu zonakala endleleni sathi makhe siqale lo umbutho, abantu abatsha basabele ikhwelo kuba beva ikonsi kubo akukho misebenzi iziyobisi ziyababhuqa nangoku bakhona esikhe sahlala phantsi nabo sababonisa uba indlela ehamba neziyobisi asiyiyo sifuna ujika izinto noko kungade konakale ngoluhlobo sithi abantu mabazithathele nankumbutho,“ utshilo uBenni Ntlemeza.

Abantu abatsha bebengafuni nokuva bezifuna kulombutho. Asanda Mgumane wase Tsomo uthi ungene kulombutho kuba uyabona ingathi umahluko uzakubakhona. “Ewe akukabikho zinto zenziwayo kodwa sibonile kuthethwa kucengwana namaxhoba eziyobisi lakhula ithemba kuthi ukuxhaswa ekubeni sifumane imisebenzi yimigudu nemizamo eyenziwa ngulombutho,sifuna ukuthi kuJeneral Ntlemeza sigamba naye kuba sazi yena thina,“ utshilo uMgumane. Abantu abadala nabo bakhona abangenileyo kumbutho lo. Oligqala lomzabalazo utata uMzongozi Ndondo uthi ebengasafuni kwanto enepolitiki phakathi kuba umbutho ebekuwo awenzanga kakuhle ngoku yena into ayifunayo kuxhasa kulonto kuthwa iyashota, uthi akasafuni kuphinda azifake kakhulu kwezinto zopolitiko kuba akukhonto ayivunileyo, lona umbutho uwunqwenelela okuhle kodwa.