CommunityNews

Usomashishini owaziwayo ongasekhoyo uhlonitshiwe

6 March 2024- Anele Raziya

Usomashishini owaziyo ongasekhoyo emhlabeni, uTata uMthetheleli “Ndlovu” Ngumbela uzakuwongwa ngumasipala waseMbhashe eDutywa ngenxa yeemisebenzi yakhe emihle ayenzileyo ngexesha esandla amazimba.

UNgumbela uzibalule kakhulu kwicala lokuphuhlisa ekuhlaleni apho aye wokhela amabandla amaninzi izakhiwo zeecawe.

Uye wagqwesa nakwicala lokuxhasa imidlalo entlobo-ntlobo esakha amabala afana nawebhola ekhatywayo, aweqakamba kuquka nendawo yokubaleka amahashe eMbhashe.

Oka Ndlovu ebesaziwa kakhulu kwicala lokungabandezi xa kufuneka exhase imidlalo entlobo-ntlobo kangangokuba ekubhubheni kwakhe ushiye ngase iitumente zeemidyarho yamahashi, iitumente zebhola ekhatywayo kunye neqakamba nezathi zasugulwa nguye kuba efuna ugcina ulutsha kude neziyobisi.

Nangona engasekhoyo emhlabeni zonke ezitumente zisaqhuba egameni lakhe kwaye inkxaso isabonakala kuyo yonke lemidlalo intlobontlobo.

Umasipala waseMbhashe eDutywa kulapho athi ubone kufanelekile ukuba kuwongwe eli qhawe lingasekhoyo malunga nomzila eliwushiye ngasemva ongasoze ucime.

USodolophu uSamkelo Janda uthe ngomhla wamashumi amabini anesibini kwinyanga ezayo (22 Matshi) bazakuthiya isitalato esikhulu kwidolophu yaseDutywa iRichardson main Street egameni lika Tata uNgumbela.

Uqhube wathi ngalo mhla mkhulu kangaka wonke umntu uyamenywa ukuba abeyinxalenye yomsitho xa kuzobe kuwongwa eli qhawe lizibalule kakhulu kwezo shishino kwaye laphinda ladlala eyona ndima iphambile lincedisana norhulumente ukuphuhlisa uluntu.

UTata uNgumbela ebedumile nangoku xhasa ikwayala (choirs) xa ziyocula kumakhuphiswano azibhatalele indleko zazo kwaye ethengala nabantu ukutya abo batsala nzima emakhaya.

Usapho lakhe nalo kulindeleke ukuba libeyinxalenye yomsitho njengoko umasipala sele esnzile isibhengezo.