Kubanjwe abemi bamazwe angaphandle eMnquma
6 March 2024 – Anele Raziya
Wonke umntu oshishina kwidolophu zaseMnquma eziquka iGcuwa, Ngqamakhwe noCentane kunyanzelekile ukuba abenamaphepha (permit) amnikayo igunya lokwenza oko ngokunokutsho kuka masipala.
Kulandela emva kokuba amagosa kaMasipala waseMnquma wezoNyanzeliso Mthetho (Mnquma Law Enforcement)Â ebambisene neSebe lezeMisebenzi (Labour Department) kunye neSebe leZasekhaya ( Department of home affairs) bebambe bavalela abemi bamazwe angaphandle abangashumi amabini ananye (21) kutsha nje.
Babanjwe emva kokuba kufunyaniswe ukuba abanawo amaphepha wokuba kwilizwe loMzantsi Afrika kwaye bashishina ngaphandle kwemvume yomasipala.
Wonke umntu oshishina eMnquma kuquka nabo bashishina behleli ecaleni kwendlela baye banikwe ngumasipala ilungelo lokuthengisela abantu xa bethe bafaka izicelo zokucela uthengisa.
Umasipala uye abanike iimpepha mvume zokuthengisa (permit), kodwa bona abemi bamazwe angaphandle kuyafumaniseka baye bavula iindawo zokulungisa inwele, ivenkile ezithengisa impahla zokwakha kunye neezikroxo (spaza shop) ngaphandle kwemvume.
Phakathi kwabo bathe babanjwa ngokwaphula umthetho ngabemi basePakistani, China, Ghana, Bangladesh, Lesotho nabase Zimbabwe.
Abo baphuma kwilizwe lasePakistani babanjwe bezimele kwezi venkile zabo zithengisa izinto zokwakha izindlu ngenxa yokuba abanawo amaphepha wokuba seMzantsi Afrika kwaye bashishina ngokungekho semthethweni.
Umanejala womasipala, uSilumko Mahlasela uthe bengumasipala bazakuqhubeka besenza ugqogqo kuzo zonke ivenkile eziseMnquma uqinisekisa ukuba wonke ubani ushishina ngokuselungelweni kwaye ukweli ngokusemthethweni.
“Singumasipala sizimisele ukuqinisekisa ukuba akukho mntu ozakwaphula umthetho kwaye sizokuqhubeka sigqogqa kuzo zonke idolophu zethu ukuba wonke unawo amaphepha wokuthengisa asemthethweni,” kutsho uMahlasela.
Uye wayiqhwabela izandla intsebenziswano yamagosa wabo namanye amasebe karhulumente uqinisekisa ukuba eMnquma lukhona ucwagco kwaye kulandelwa umthetho ndawo yonke.
Kutsha nje iSebe elijongene neMicimbi yezaseKhaya liyibeke yacaca ukuba oomasipala mabasebenzisane nalo ukulwa into yabemi bamazwe angaphandle abaseMzantsi Afrika ngokungekho semthethweni.
Nakwinyanga ezidlulileyo umasipala waseMbhashe eDutywa wabamba wavalela inani elivakalayo labemi bamazwe angaphandle abakweli ngaphandle kwempepha mvume.
Ukanti nabanye oomasipala kulindeleke ukuba basabele kweli khwelo lesebe elijongene neMicimbi yezeKhaya.


