‘Mabakhathalelwe abantwana kuba zinkokheli zangomso
IZion Glory Foundation ibityelele kwisikolo samabanga aphantsi i-Thembeni nesizinze kwidolophu yase Ngcobo ukuyonikeza ngezihlangu kwakunye ne sanitory towels. Le foundation ijongene nokuninzi nehamba lonke eliPhondo le Mpuma Koloni ukuncedisana nezikolo ikwadlulisa nangekiti yebhola kumaqela aqhubayo. Isikolo sase Thembeni sinabantwana abasuka kwindawo ekuthwa kukwa Ndevu nengamatyotyombe nenabazali abathi baze bafumane imali bayothengisa edolophini esitalatweni.
Ojongene nale Foundation uMphathi we Peeze eyinkampani ebolekisa ngemali u Phelisa Kham kham uthi ngumsebenzi wabo ukuqinisekisa ukuba bayawajonga amakhaya angathathintweni kwa nezikolo bengaqali ukukwenza oku uthe kubafundi bakhuthaza ukuba abantwana mabagunde ukuze bazophucula imeko zamakhaya wabo. “Sifuna ukuthi kwititshala zase Thembeni sisichongile esisikolo kuba sivile imeko ayikhontle kungoko sithe masizophosa esivivaneni sishiya nomyalezo kotitshala uba babakhathalele abantwana ngawo onke amaxesha kuba bazinkokheli zangomso,” utshilo u Phelisa Kham kham Abesikolo bebethe nqwadalala bebukele lomsebenzi umhle kangaka uziswe yile foundation.
Ongusekela Nqununu kwisikolo iThembeni u Miss Mankahla Phumla uthi bajongene nemeko apho kunabantwana abaza esikolweni bengakhange batye kukho abo bangenazo kwa izihlangu bahamba ngenyawo,kubekho abo banazo izihlangu kodwa uyakufika ijezi irhazukile begodola xa kubanda. Uthi bayawenza umbulelo kule foundation kuba iwenzile umahluko kakhulu.Abazali kwakunye nabafundi abathe baxhamla benze umbulelo kule foundation.
