UYanga Malusi oyimbaleki yeGijima Athletics Club
6 March 2024 – Anele Raziya
UYanga Malusi (26) waseGwadana eDutywa, ugxeleshe ukwenza imbali kumdyarho we42KM azakhuphisana kuwo neembaleki zehlabathi kukhuphiswano elizakubanjelwa phesheya kolwandle eLondon.
Imbaleki yeGijima Athletics Club, uMalusi ufumene ithuba lokuba abephakathi kweembaleki ezizokhuphisana kumdyarho omkhulu odumileyo eUnited Kingdom apho ezokubaleka kwiLondon 42km marathon ngomhla wamashumi amabini ananye (21) kwinyanga uApril.
Kungokunje le mbaleki iphuma kwilali yaseGwadana eMbhashe idinga inkxaso mali ukuze ikwazi ukubhatala ivisa, inqwelo ntaka (return flights) kwaye ibenawo nomphako endleleni esingise eLondon njengoko ingenabo abaxhasi.
UMalusi osele ezibalule kakhulu kwicala lezembaleki, ucela inkxaso kuye nabani onokwazi ukumpha lonto afikeleleyo kuyo ukuze afezekise iphupha lakhe lokubaleka kumazwe angaphandle.
Kwiphondo laseMpuma Koloni, uMalusi uzibalule kakhulu ngokuphumelela iimidyarho kwindawo ezifana noMthatha, eQonce, eGcuwa nakwezinye iindawo.
Ukanti kunyaka ophelileyo ukhe waphumelela umdyarho we21km eKapa, kwiveki edlulileyo wabuya nodumo KwaZulu Natal.
Ebutsheni benyanga ezayo ngomhla weshumi kuMatshi ujonge uyobaleka kwiSA Champs ezizakubanjelwa eRhawutini ngaphambi kokuba ayokuthatha ixhanxeba kulo mdyarho waseLondon.
“Ndiyacela abantu bandixhase njengokuba ndizayokubaleka eLondon, ibihleli iliphupha lam ukuya kumazwe aphesheya kolwandle ndiyobaleka,” kutsho lembaleki yeGijima Athletics Club.
Ukuze afumane ithuba lokuyobaleka eLondon uYanga ufumene isimemo kwiMbekeni Foundation ene ofisi ezinze eLondon nakwiphondo le Mpuma Koloni.
Ukuzimisela kwakhe nokwenza umsebenzi oncemekayo kwicala leembaleki kukho okumnike elithuba linqabileyo.
Abo banqwenela ukumxhasa uthe bangamtsalela umnxeba kule nombolo ithi 065 689 6935 okanye bangaphosa kwiAkhawunti yakhe yebhanki: Absa Acc: 4111 1505 50, Current Acc, Branch code 632005.
UMalusi uthe uyaqhuba namalungiselelo wokulungiselela umdyarho waseLondon kwaye indawo yokuhlala (accomodation) sele eyilungiselelwe koko udinga inkxaso kwezinye izinto ezi.
Uhlabe ikhwelo nakosomashishini noomasipala ingakumbi owaseMbhashe nowaseMnquma ukuba baphose lonto banayo ukuze kuzekiseke iphupha lakhe lokubaleka kumazwe angaphandle njengoko ezakuba eqala uyokubaleka ngaphandle kwaseMzantsi Afrika.

