CommunityLocalNews

Utyholwa ngokunqabula umsebenzi umanejala kamasipala 

31 August 2026 | Monwabisi Khininda | Mpuma Kapa

UBasil Mase onguManejala womasipala weSithili I-Oliver Reginald Tambo (ORT) uvulelwe ityala lokuncwasa ngumsebenzi walomasipala emtyhola ngokuba waye wamncamisa ngaphandle kwemvume yakhe. Eli tyala livulwe linenekazi elisanqunyanyisiweyo emsebenzini. Kwingxelo etyikityiweyo kwi- Affidavit eli nenekazi lithi uMase wavele wammathuza ngo’Kiss’ kwaye wamqubula engamlindelanga. Isimangalo sithi akaphelelanga apho uphinde wathetha into egwenxa ngeempundu zakhe, kwaye imkhubekisile eyempundu. UMase ukhanyela wema entla esithi akazani nobu buvuvu.

Ummangali uthi kwa ukunqunyanyiswa kwakhe emsebenzini kurhuqisa umrhaji, ukholelwa ekubeni ubekelwe bucala kuba engazange azinanze izinto ezithile ngakummangalelwa.I sithethi samapolisa kwiphondo leMpuma Kapa uBragadier Nobuntu Gantana, uzingqinile ezingxelo zokuvulwa kwetyala, esithi livulwe kwicandelo le Family Violence, Child Protection and Sexual Offences.