Abafana baseKapa bakhala ngokunganakwa kokubuyiswa kweziko lakwa ntu “Indoni”
28 March 2024 – Mbaleli kaDizindaba
Abafana bee lokishi zase Kapa nabaziwa kakhulu ngokulwisana nempatho gadala koo mama (GBV) bekwakumbutho iSISONKE bakhala ngelokuba abade bafumane nkxaso kwi phulo nesicela sabo sokuba kuyiswe isiko le Ndoni. Eli lisiko elimalunga nokuhlolwa kwee ntombi ukuqinisekisa okokuba iintombi zakwa Ntu zihlala zizii ntombi ezizizo ukulungiselela mhla zisenda.
Aba bafana nabaphaya koo Makhaza, Zanethemba, Nyanga noo Guguletu bathi ukubuyiswa kweli siko kuzakuba nenkuthazo enkulu ekuhlawulweni kwezisu nelobola. Aba bafana bathi bona bafuna iintombi “Nto” xa bezeka, hayi amasekeni. Omnye waba bafana be SISONKE ekulweni impatho gadalala ku manina, uSilumnko Magade wase Khayelitsha uthe: “Esi simemo sethu kufuneka kwaziwe okokuba simalunga namasiko ethu”.
Eli tyendyana linama 32 eminyaka liqhube lathi: “Kwesi simemo sethu sixhaswa nayindlu yeenkosi yakwa Ntu phaya epalamente nezibonakala zityhafile ukutyeshelwa kwamasiko nezithethe zakwa Ntu, okuye kudanise kumaxesha amaninzi kukwa abanye abantu ingakumbi iintombi zale mihlo besithi “Abo bafuna iintombi ‘nto’ mabaye kwa Zulu. Oku kukudelela amasiko nezithethe zakuthi. Thina sazi le nkqubo ye ndoni ikhona kuthi maXhosa. Khangela iindawo ezifana nooMbashe apho bekusandula kukhuthazwa iintombi zenciyo kanye eDutywa.
Yena umama uMadosini wase Khayelitsha uthe: “Thina singoo mama abakwaziyo ukubaluleka kwe siko le ndoni siyabancoma yaye sibakhuthaza aba bafana ngokugcina izithethe namasiko ethu. Kuyavuyisa ukufumanisa kukho amaphulo anje namhlanje nalapho kuqinisekiswa ngolwaluko olulula yimbutho ephaya koo Langa, Guguletu, noo Nyanga. Khangela ngamexesha ethyu lowo mfana ebefuna ukuthandana nawe ebebhala ileta azibike kuyo aze alinde ixesha elingangee nyanga ezintandathu ukuze avunywe. Kungoko nawe ubuze umazi kakuhle ngesiduko, ukuziphatha nentlonipho aziwa ngayo ukuze “Umqome”, utshilo lo mama.

