CommunityLocal

Ziyaphuculwa iinkonzo kwabo basebenza ngezandla

11 May 2023 – Anele Raziya

ENTABANKULU

UMasipala waseNtabankulu kwingingqi yaseChris Hani, ubonakala ezimisele ukuqhubela phambili udlala indima ebalulekileyo kwabo benza imisebenzi yeezandla efana nokuthunga impahla ekuhlaleni.

Kutsha nje umasipala waseNtabankulu okhokelwa ngusodolophu, uTsileng Sobuthongo uye waxhasa ngoomtshini bokuthunga impahla neezinye izixhobo zokusebenza abathungi bempahla ebebephuma kwiiWadi ezintlanu ezahlukeneyo ekuhlaleni.

Injongo zeli nyathelo lika masipala kuzama ukuncedisa abo benza imisebenzi yeezandla okanye abeneprojekthi zokuthunga impahla ekuhlaleni ukuze bagxothe idlala kumakhaya wabo.

USobuthongo usoloko enoluvo lokuba ukuxhaswa kwamashishini amancinane lonto iye incedise ukhulisa uqoqosho ekuhlaleni ingakumbi kwindawo ezisemaphandleni.

Ezinye zezixhobo umasipala azinike ababathungi ziquka i-button hole ,embroidery, flat industrial ,oyer locker amalaphu kunye nee laptop.

Umasipala uthe emveni kokuba enikeze ngezixhobo zonke, wakhuthaza abathungi baseNtabankulu ukuba baqhubele phambili nomsebenzi wabo oncomekayo.

Watsho esithi bazakuthi gqolo ukufaka inkxaso apho idingeka khona kwiprojekthi zasekuhlaleni ezijolise ekuphuhlise uluntu.

Obethetha egamanei labaxhamli uMama uTyalibhongo, ubulele kakhulu kwinkxaso abayifumana kumasipala wabo watsho esithi iyabakhuthaza ukuba baqhubele phambili kwicala lokwenza umsebenzi weezandla.

Indawo yaseNtabankulu iphakathi kweezinye zeendawo zaseMpuma Koloni ezinabantu abangaphangeliyo uninzi lwabo baphila ngokuzivulela amashishini wabo afana nawo kufuya nokulima neezinye izinto.

Urhulumente wephondo nomasipala badlala indima ebaluleke kakhulu kwicala lokuxhasa iiprojekthi kule ngingqi kwiminyaka edlulileyo ingakumbi amafama wemfuyo nalawo alimayo.