Abadlali banikwe impahla entsha yesikolo
27 Canzibe 2024 – Anele Raziya
Abadlali abathathu abafumana amawonga awohlukeneyo ngexesha kudlala indebe ebizwa iNozulu Youth Legacy U/17 bafumene impahla yokunxiba yesikolo kwiveki ephelileyo.
UOlwakhe Lutho Sototo (16), uYalatha Cosa(16) abadlalela iYoung Stars FC yaseMchubakazi kunye Busekuhle Mdoda (16) odlalela iFC Tshabalala yaseGcuwa, baphiwe impahla entsha kraca yokunxiba yesikolo yiNozulu Youth Legacy Cup njenge nxalenye yamabhaso ebabethenjiswe ngawo ngexesha kusongwa itumente.
USototo waye wakhethwa njengo nozinti ogqamileyo (goalkeeper of the tournament) , uBusekuhle Mdoda wayifolosi egqamileyo (best attacker) logama yena uYalatha Cosa waphumelela iwonga lokuba ngumdlali ogqwesileyo kwitumente (player of the tournament), baye bafumana amabhaso afana nemali, iindebe ezincinane kunye neevawutsha ezixabisa iR2500 ukuba umntu ngamnte athenge imphahla yesikolo.
NgoLwesibini kwiveki ephelileyo, ikomiti yeNozulu Youth Legacy Cup iye yatyelela isikolo ezifunda kuso ezidyogwana, iPhakamani High School eseBika eGcuwa nalapho ibiyonikezela ngale mphahla yesikolo kwababafundi bathathu badlalela amaqela awohlukeneyo ekuhlaleni.
Umdlali ngamnye kubo ufumene izihlangu, iinkawusi, iibhlukhwe, ijezi, iisheti kunye nebhatyi njengoko ivawutsha ibiyeyokuthenga imphahla zesikolo kuphela.
Obekhokela ikomiti ibinguBanzi “Bra Ace” Siyongwana owaziwa kakhulu kwezemidlalo kwiMpuma Koloni iphela nakwamanye amaphondo.
USototo ophakathi kwabadlali abaxhamlileyo, uthe wonwabile liwonga alifumene kwiNozulu Youth Legacy Cup kwaye uyavuya nalento iidyogwana eziselula ngokweminyaka zifumana ithuba lokuba zibonakalise italente yazo kwibhola ekhatywayo.
Uthe imbaso elimile kunje lizomkhuthaza kwizifunda zakhe kwaye nakumdlalo webhola ekhatywayo.
Uqhube wathi uyayibulela inkxaso ethe rhoqo ubonakaliswa yiNozulu Youth Legacy Cup kwicala lokuphuhlisa imidlalo kwindawo ezisemaphandleni njengo Mnquma.
Isikolo naso iPhakamani high school siye senza umbulelo omkhulu kwaye sikhuthaza iNozulu Youth Legacy cup ukuba iqhubele ukuncedisa ibaphuhlisa emidlalweni.
Isikolo sithe ukobakhona kwetumente efana nalena kuncedisa ukususa abantwana kwiziyobisi batsho babengabadlali bangomso abanekamva eliqaqambileyo.
USototo uthe ujonge udlala kwiDstv Premiership ngenye imini kwaye adlulele nakumazwe aphesheya kolwandle.
Nabanye abadlali uCosa noMdoda baye babulela kakhulu kwiNozulu Youth Legacy Cup kwaye bathembisa ngokuqhubela phambili badlala ibhola ekhatywayo kwaye befunda kwelinye icala.

