Bangcwatyiwe ngoncedo loonotekisi abatshe ngumlilo
27 Canzibe 2024 – Monwabisi Khininda
Babekwe kwikhaya labo lokugqibela eSibangweni eLibode abantwana ababini uZenakhane oneminyaka emibini kunye noAlive Makeleni oneminyaka emine ubudala abathe batsha ngokumasikizi kwidangatye lomlilo elithe lanumeka ikhaya labo ngentseni yangoMgqibelo kutsha nje. Aba bantwana benzelwe isingcwabo esindilisekileyo ngoncedo lombutho woonotekisi i-SANTACO eMthatha othe akubona imeko emaxongo yelakhaya wagqiba ekubeni ufake isandla.
Unobangela womlilo awukaziwa kodwa kulo mlilo kwathi kwasinda inkwenkwana eneminyaka elithoba ubudala.Izithethi eziphambili beziquka uMphathiswa wesebe lezeMfundo uFundile Gade kunye noPatrick Majola weKhula Development.


