AgricultureNews

‘Ndisayifuna inxaso kuba ndijonge phambili

10 Isilimela 2024 – Yonela Mpaka

Ungumlimi ophume izandla utata uMzoxolo Sajini wakwilali yase Gqaga phantsi komasipala iDr AB Xuma. Utata u Mzoxolo uzilimela ikhaphetshu nemchumela kakhulu de akwazi ukubeka ukutya etafileni ngayo. Ukulima nokufuya yeyonanto ixatyiswe kakhulu kwilali zase Ngcobo nekwaxhaswa kakhulu ngumasipala.

Utata u Mzoxolo Sajini uthi ukulima ukuqale kancinci engajonganga nto ingaphuma ethengisela nje abantu baselalini xa befuna lonto ngeloxesha, uthi ingxaki bezikhona ejongene nomcelimngeni wokuba angaxhaswaphina ukuze abheke phambili.

“Umlimo wam ukhule ngamandla ngoku nam ndiyazibona ndivelisa  into eqinileyo ndiyasa kwivenkile ezikufuphi ndifumane imali nendinceda ndikwazi ukwenza ingxaki zam, inxaso ndisayifuna kakhulu kuba ndijonge ukulima ndiye phambili,“ utshilo utata u Mxozolo Sajini.

Ukungabikho ndawo yokusa isivuno yeyonanto igqiba abelimi asele besiya phambili nekunyanzeleka izinto zabo baphinde baphise ngazo kwalapha elalini. Usodolophu womasipala u Siyabulela Zangqa ukuthakazelele kakhulu ukubona usomashishini ovelisa iziqhamo ezintle ngoluhlobo.

“Ndizive ndonwabile xakanti apha eNgcobo ukhona umntu olime okuhle kangaka, ndiyazibophelela ngokumxhasa abheke phambili, ndikhuthaza nabo bangekacingi ngakulima nakufuya ukuba bazeke mzekweni nabo bawenze lomsebenzi,” utshilo uSodolophu u Zangqa.