HALALA NGORHULUMENTE WOBUMBANO”
27 Isilimela (June) 2024 – 10 EyeKhala (July) 2024 – Intatheli kaDizindaba
Kapa
Abasemfuthweni wolwazi bafumanise okokuba abantu abaninzi kweli loMzantsi Afrika bavakalisa uchulumanco ngamanyathelo ombutho we ANC okumemelela nokwakha uRhulumente ofunwa ngabantu beli. Kuvakala okokuba uKongolose uye wamema amaqela ezopolitiko ekwalula nezandla ekubeni kudityanwe kwakhiwe uRhulumente Wobumbano (GNU) ukuqhubela phambili uphuculo lweli. Kungokunje ngamaqela angala, IFP, Patriotic Alliance, DA, ANC kunye namanye angene kutshanje.
Kusenjalo uluntu oluninzi kuvakala okokuba luye lwavuya kwakuvakala okokuba uMongameli Cyril Ramaphosa uye waphinda wonyulwa njengoMongameli walo Rhulumente Wobumbano nosadidiyelwayo. Oku kuthetha okokuba lo ka Ramaphosa wonyulelwa okwesibini njengoMongameli weli lizwe neliye labona kuza kuvela uRhulumente omtsha emveni kokuba umbutho we ANC uye awakwazi ukufumana abaninzi abavoti ukwenza u50%.
Kusenjalo kukho amarhe athi sele ingabatyali zimali bamazwe amakhulu esele ebonise umdla ekusebenzisaneni nalo Rhulumente Wobumbano ingakumbi xa kuthe amaqela ezopolitiko athile natyholwa ngokulawulwa bubuhlanga athe awazimanya nalo Rhulumente Wobumbano. La maqela akhankanywa kuvakala okoku yi EFF kunye no Mkhonto Wesizwe (MK) nekuvakala okokuba wona la maqela akhala ngelokuba olu manyano lungaphinda lubone eli lizwe lilawula ngabantu abamhlophe. Yena ongomnye wezikhulu ze EFF, uFloyd Shivhambo uye wavakalisa elubala okokuba bona abaziboni behlala kunye ne DA.
Abasemfuthweni wolwazi bathi abemi beli bathi lo Rhulumente Wobumbano uza kubona eli likwazi ukulwisana norhwaphilizo kuba ngoku ingazikuba lulawulo leqela elinye. Abemi beli bathi akuzikubakho kwakhona olu abarhwaphilizo nalapho bebegushwa ngabo nabo ebebexhamla. Bathi umzekelo apho ukhoyo lomkhuba ukukulowo wayefudula engu Mongameli weli, umnumzana Jacob Zuma ekungazanga kwathathwa manyathelo angawo emveni kokuba kwafunyaniswa ebandakanye kurhwaphilizo nee Guptas.
Bona abemi abaninzi beli lizwe bathi bayazi okokuba ngenxa yalo Rhulumente Wobumbano yinkitha yemisebenzi ezakuvela ngenxa yotyalo mali lwee nkampani ezazirhweba ne South Africa, noo Rhulumente ababenolawulo olululo boo Matanzima, Mangope kunye no Sebe. Bathi bona bayazi abamhlophe abaqeshi ngaziduko, koko bejonge okokuba wena awufanele lo msebenzi.
Kuqala bekubonakla iyi ANC ebezise iindlela ekulungiseleni indlela ebonisa ukwakhiwa koRhulumente ofunwa ngabemi bo Mzantsi Afrika. Kodwa ngoku kuvakala okokuba sele ingamaqela alishumi asele ezibandakanye kweli phulo lokwenza intando yabantu yaye kubonakala kungekude okokuba lowo ophinde wonyulwa njengo Mongameli, uCyril Ramaphosa azise ngo Rhulumente omtsha.
Kusenjalo kuvakala okokuba amaqela amaninzi avakala eyichase kakhulu into yokuba lowo wayefudula engu Mphathiswa Wemidlalo Nenkcubeko, uZizi Kodwa aphinde abelilungu lePalamente. Oku kubekwa phezu kokuba lo ka kodwa ubhaqwe ebandakanyeka kurhwaphilizo waze wasishiya isikhundla sakhe.
Kusenjalo kubonakala abemi bo Mzantsi Afrika abaninzi bechulumancile ingakumbi abelokishi yase Mbekweni ePaarl emveni kokwaziswa okokuba umbutho weMK nokhokelwa ngumnumzana Jacob Zuma, ude wagobiphondo wazibandakanya ekwakhiweni koRhulumente Wobumbano (GNU). Kuqala umbutho weMK ubuye wakusadulela ukuqalwa kwalo Rhulumente Wobumbano. Abasemfuthweni wolwazi bathe kaluku indawo yase Mbekweni ePere yaye yaveza amagqala umzabalazo amaninzi nawaye bandakanyeka phaya eQuinta Canavale eAngola, Tanzania, kooTete naseCabodelgado eMozambique nezinye indawo ezazigcine abo Mkonto Wesizwe. Kungokunje kulindelwe okokuba kungekudala uMongameli azise amalungu kaRhulumente omtsha.


