Crime & SafetyNews

Amanina ayabulawa etyholwa ngobugqwirha

27 Isilimela (June) 2024 – 10 EyeKhala (July) 2024 – Monwabisi Khininda

Lusikisiki

Ukubulawa ngesihluku kwamkhehlekazi etyholwa ngobugqwirha kusaqhubeka kwilali yaKwaThahle eLusikisiki, eMpuma Kapa. Ukusukela kunyaka wama-2015 ukuza kuthi gaa ngoku ngamashumi amabini anesibhozo abantu asebebulewe kuba betyholwa ngobugqirha, kuquka nabantwana. Kutsha nje kubulewe ikhehlekazi elinamashumi amathandathu anesibini ubudala neentombi zalo ezintathu, betyholwa ngokuthakatha.

Osindileyo uNoncedo Sombaza uthi amanye wamaxhoba atyakatywe ngezikhali aze atshiswa, kanti amanye adutyulwe. Amakhaya amaxhoba aye atshiswa.Unina kaNonceba ngomnye wamaxhoba abetyholwa ngokuthakatha. “Ngomhla we-26 kuMatshi umama wam wabulawa ngolunya. Waxulutywa ngamatye kwaze kwabekwa amatye phezu komzimba wakhe. Andikasazi isizathu sokuba umama abulawe ngalandlela. Andikaxoli nangoku.”

UZoleka Capa enguSekela Mphathiswa kwisebe loPhuhliso Lwamaphandle uguqule ikhaya lakhe yayindawo yokugcina amaxhoba. UCapa uthi ukuxhatshazwa kwamanina nabantwana kudinga ingqwalasela nongenelelo lwamasebe ngamasebe karhulumente. UCapa uthi isiganeko sakutsha nje sizisa uloyiko nokungcungcutheka kuluntu.

Oko kuthe kwehla iziganeko zokubulawa kwabantu betyholwa ngokuthakatha bathandathu abantu asele bebanjiwe baze bagwetyelwa ukubulala nokutshisa. Uluntu lwezi ndawo ezichatshazelwe lolugebengo zimemelela ungenelelo lwamaqumrho anayanzelisa ukuhlonitshwa komthetho.