Kubhentsiswe umkhonyovu kwaSASSA ngesibonelelo see R350
24 EyeDwarha (Oct) 2024 – 07 EyeNkanga (Nov) 2024
Intatheli kaDizindaba
k
apa
Uvakele uvungama wonke uMzantsi Afrika emvakokubhaqwa komkhonyovu owenzeka kwaSASSA malunga nemali eyi R350 yesibonelelo sokuthuthuzela abo bangaphangeliyo (distress social grant). Oku kuthe kwabhentsa emva kweziphumo zophando olunzulu noluthe lwenziwa ngamaxhoba alo mkhonyovu. La maxhoba kuvakala okoku zii ngcaphephe kufundo olunzulu ngezobugcisa kwi computer.
Abasemfuthweni wolwazi bavakalise okokuba lo mkhonyovu wokubiwa kwe mali yenkamnkam eyi R350 uthe wabhaqwa ngabafundi be computer science phaya kwi University yase Stellenbosch. Kuvakala okokuba aba bafundi nababini kudala beenza izicelo zale grant ye R350 kodwa zange bafumana zimpendulo. Â
 Emva kwethuba bephanda ngobugcisa baye babhaqa okokuba esi sibonelelo samnkelwa ngabanye abantu nabasebenzisa amagama abo kweli xesha lide leminyaka belindile.
 Kuthiwa aba bafundi baye baxelela izikhulu zophando zakwa SASSA nalapho owongamele ezolawulo kwa SASSA, umnumzana B. Van Brede uye wavakalisa umothuko omkhulu waze wazisa okoku bona bekulawulo apha kwa SASSA bazakwenza olwabo uphando olunzulu ngalo mkhonyovu.
 Bona abasemfuthweni wolwazi bathe bafumanise okokuba kuthiwa ngaphandle kwalo mkhonyovu wee R350 bakhona nabanye abantu abathe baba ngamaxhoba okutyelwa iimali zabo zesibonelelo sendodla yabadala.Â
Kuvakala okokuba okokoko kwathiwa kwavezwa ezi zazisi zitsha namakhadi okomnkeli indodla adibanisa nePosi abaxhamli abaninzi baye balahlekana namawaka endodla bengade bayamnkele. Aba basemfuthweni wolwazi bathi kukho nogogo was Nyanga ophaya kwi 72 yemninyaka nosokole iinyanga ezintandathu engaroli. Â
 Kuthiwa lo makhulu ebeyakwaziswa kwa SASSA okokuba imali yakhe amakayilindele ipha kwi R7000. Kuvakala okokuba ebethe xa ezama roqo ukukhupha imali roqo adibane nokubekelwa oku noku de wafumanisa okokuba ngoku le mali yakhe Imana itsalwa ngomyinge wakhe weR2180. Â
 Bona aba bazaziyo bekwazithanda nee ndaba bathi kwakho noo mama babantwana abamana bemisele lomhla okanye lowa kuba kude kwaba zii 15 zenyanga.


