Abantwana begazi baphuncukana nenkcubeko kukufunda esilungwini
Intatheli: Monwabisi Khininda | KZN
IiNkosi ziyagxekwa ngokuthumela, kwizikolo ezizimeleyo zabamhlophe (white private schools), abantwana bazo apho bafike baphulukane nenkcube nelwimi zabo kungene isilungu nenkcubeko yasesilungwini ehlabanyo nesiNtu.
Le ngxoxo ivuselela umbuzo othi “Kutheni zingasekho izikolo zokufunda abantwana beeNkosi?, njengokuba kwakufudula kusakuba njalo ntlandlolo. UNjingalwazi Vusi Shongwe isifundiswa esifunde sayityekeza sigxile kumakomkhulu nobuKhosi. Uhambise athi iiKumkani neNkosi zeli lizwe zifedile ukwakha izikolo zokufunda iinkosana ezizakuba ziiNkosi kwixesha elizayo. UShongwe ukholelwa ukuba oku kungathintela amahlazo nendlela egwenxa abaziphatha ngayo abantwana begazi nto leyo efika ingcolise yehlise isithunzi igama lobukhosi. Ezinye incutshe kulomba zithi liyinene elokuba ukuba amakomkhulu angasebenzisana norhulumente ukuvuselela izikolo zabantwana beeNkosi ubukhosi bungadlala indima ebalulekileyo ukubuyisela isidima kungako ke iiNkosi kubalulekileyo zifunde indlela yokulawula yalamaxesha nolawulo lweeNkosi.
Kwiphondo lakwaZulu-Natal isikolo iKing Bhekuzulu High kwaNongoma sasifudula sifundisa abantwana beeNkosi kodwa kunamhla nje sivuleleke kumntu wonke. Kanti kwilizwe lamaNgesi eNgilani abantwana basebukhosini bafunda kwizikolo apho bazakufundiswa ngamasiko, inkcubeko nendlela yokukhokela yasebukhosini. UShongwe uhambisa athi kunqabile kweli lizwe ukufika kukho iNkosana ethetha, isiZulu,isiXhosa,isiSotho nalo naluphi ulwimi lwesiNtu, ngokusulungekileyo ingafakanga amagama esiNgesi. Inkoliso yezoNkosi zangomso zilahle amasiko,inkcebeko,izithethe nolwimi lwazo zathatha isilungu.


