Ezinye zembethi manqindi eziya eKapa nebeziphumelele kwitumente
15 EyeKhala (July) 2024 – 24 EyeKhala (July) 2024 – Anele Raziya
Umbutho wamanqindi eGcuwa, iMnquma Boxing Federation, uchulumancile yinkxaso athe gqolo ukuyifumana kumasipala waseMnquma kwinzame zawo zokuvuselela umdlalo wamanqindi kwilokishi nasezilalini.
Oku kuvezwe nguSihlalo wale Federation, uMbuyiseli Xokolo ngaphambi kokuba iimbethi manqindi zabo ziyokuthatha inxaxheba kwitumente yamanqindi ezakubanjelwa eNtshona Koloni, eMakaza eKhayelitsha kwiveki ezayo (18-19 Julay).
Iimbethi manqindi ezisakhasayo ezingamashumi amabini anesibhozo (28) eziphuma kwindawo ezahlukeneyo eMnquma, kulindeleke ukuba zibeyinxalenye yeqela lembethi manqindi eli zakumela iMpuma Koloni kwitumente ebizwa ngokuba yiRising Stars Championship National.
Zonke ezi imbethi manqindi zizakumela iMpuma Koloni bezichongwe kwitumente yamanqindi ibisindlekwe kwiholo yaseGcuwa kwinyanga ephelileyo.
Iphephandaba lincokola noXokolo malunga namalungiselelo weembethi manqindi zaseMnquma, uthe baqhuba kakuhle namalungiselelo kwaye babulela nenkxaso abathe rhoqo uyifumana kumasipala wabo.
“Nangona ezethu imbethu manqindi zingenabo abaxhasi abazixibisayo impahla xa ziyokulwa kodwa ndingatsho ndithi siyayibulela inkxaso esiyifumanayo eMnquma. Imbethi manqindi zethu zisoloko zikweliswa ngumasipala xa ziyokulwa kwezi tumente kwaye nanjengangoku sisiya eNtshona Koloni, umasilala uthe uzozikwelisa,” kutsho uXokolo.
Uqhube wathi bangavuya kakhulu xa benokuthi bafumane umxhasi onoxhasa iimbethi manqindi zabo ngempahla zokunxiba ukuze zingakhangelekile zihlelekile xa ziphakathi kwezinye.
Kwangexesha kuzobe kuqhuba le tumente, umbutho iSouth African Boxing Federation (SABOF) kulindeleke ukuba ubhiyozele iminyaka elishumi wasekwayo kweli.
UXokolo uthe injongo zale federation kubanegalelo kumdlalo wamanqindi njengoko ugcwele ngabo babesakuba zimbethi manqindi kwaye amava abanawo bafuna uwafundisa imbethi manqindi ezisakhulayo.
ISABOF yasungulwa ukuba incedise ekuphuhlisene imbethi manqindi ezisakhulayo ukuze kuzophuma ezinye iintshatsheli ezifana noWelcome Ncitha namanye amakhwahla kumdlalo wamanqindi.
Kwiveki ezayo ngoLwesithathu kulindeleke ukuba zigaleleke zonke imbethi manqindi zaseMpuma Koloni zidibene nezaseMnquma.


