Avukile amanqindi eNgcobo
15 EyeKhala (July) 2024 – 24 EyeKhala (July) 2024 – Yonela Mpaka
Unyathele okokuqala kumasipala i-Dr AB Xuma uMphathiswa wesebe lezemidlalo ubugcisa nenkcubeko uSibulele Ngongo kwitumente yamanqindi nebiqhuba okokuqala kwindawo yase Newrest phantsi kwe Stars Boxing Promotions ibambisene nenkampani eyenza umbane ebizwa SNR. Ukuvuselelwa kwamanqindi kwidolophu yase Ngcobo kubavuyise kakhulu abo bangabalandeli bawo.
Le midlalo ixhaswe kakhulu nangumasipala .Utata u Sonwabo uthi kudala efuna amanqindi avuseleleke kuba banintsi abantwana abanomdla kuwo. “Yiminyaka ndizama ukuba lento yamanqindi mayibuye singajongi ebholeni ekhatywayo kuphela sizame ukuphuhlisa nabo banento eyahlukileyo ,sivuye kakhulu ukuba ulangazelelo kwa nabo basemagunyeni besixhasa, sifuna ukuhlaba ikhwelo kwabo bafuna ukuzibona bezimbethi manqindi zangomso basondele, sizakuya kosomashishini siyoyifuna inxaso kuba asiyonto ngaphandle kwabo,nakwabo bathe bazibonakalisa basixhasa sibamba ngazibini,“ utshilo uSonwabo
Ukutyelela koMphathiswa obesandukubekwa kuthethe lukhulu kwezimbethi manqindi nezidlulise amazwi ombulelo zikwathi inxaso noba ivela ngaphi ziyayicela.Umpathiswa uNgongo ukhuthaze abantu abatsha ukuba mabadlale ukuze bazohlala bephilile bazophuhla nakwitalente abanazo.Thina sifuna abantu abatsha abasemidlalweni kuba xabexakekile yimidlalo ithuba lokumosha izinto zabantu liyancipha kakhulu ,sizimisele ukubaxhasa abantu abatsha kuba siyabona bayahamba bayosigqamisa kumazwe akude ntoleyo eyenza siyeke yonkinto sijonge kubo, sithi makuyiwe phambili,” utshilo uMphathiswa uNgcongo. Le tumente yamanqindi izakuphinda iqhube kwakhona.


