Kudutyulwe kwabulawa usopolitiki kwaBhaca
29 EyeThupha (Aug) 2024 – 11 EyoMsintsi (Sept) 2024
Monwabisi Khininda
Amapolisa azingela abarhanelwa abathathu ubuncinane ababandakanyeka ekudutyulweni kubulawe usopolitiki owaziwayo ekhayeni lakhe kwaBhaca eMpuma Kapa kwiveki ephelileyo. Kutyholwa ukuba ngorhatya lwangoMvulo amadoda amabini abexhobe ngemipu ambonzeleke ekhayeni lakhe kwilali iSidikidikini, eLubacweni. Ingxelo ihambisa ithi ezi zijem-jem zifike zakhomba abantu ngemipu zaze zababopha ngeentambo zombane,zabakhuthuza iminxeba nemali.
Kumzuzwana emva koko kugaleleke omnye umrhanelwa.Ingxelo yesithethi samapolisa ephondweni uWarrant Officer Majola Khohli ithi usopolitiki uMncedisi Gijana (58) obengekho ekhayeni lakhe uthe wagaleleka, kungelothuba abanqevu bathe bajongana naye. Amapolisa athi kuvakele izithonga zompu.Umzimba kaGijana ufunyenwe kwindlu engaphandle, kuqapheleka ukuba abarhanelwa bathathe izinto ezifana namakhadi ebhanki,izikhiya zendlu nesithuthi selikhaya esifunyenwe silahlwe kumgama ozikhilomitha ukusuka apho.
Abarhanelwa basagcwele amathafa.Ityala lokubulala kongezwe elokuphanga avuliwe ukuze kuqhutywe uphando.Amapolisa abongoza nabani onganenkcukacha ezingancedisa kuphando ukuba aqhagamshelane neqela labaphandi ku-0714752292 okanye kuCrime Stop number 0860010111. UMkomishinala wamapolisa ephondweni uLieutenant General Nomthetheli Mene usigxeke ngamandla esi siganeko wathembisa ukuba amapolisa azakubazingela abafumane ababulali.
