Sports

Amaqela ebhola alungiselela ukuqala kwesizini entsha eMpuma Koloni

Ngu Anele Raziya 

Amaqela alishumi elinesithandathu (16) adlala kwi Eastern Cape Sasol league aphantsi phezulu elungiselela ukuqala kwesizini entsha ngaphambi kokuba kuphele lenyanga. Kulandela emva kokuba umbutho we bhola ekhatywayo, iSAFA, eMpuma Koloni iye yabhengeza ukuba iza kuvulwa ngokusesikweni isizini entsha yeSasol league ngomhla wamashumi mabini anethoba kule nyanga (29 Matshi). Konke oku kuvele kwindibano yakutsha nje ibibanjwe ngulo umbutho webhola ekhatywayo kunye namalungu wamaqela adlala kwiSasol league. ISasol league oko yayohlulwe ukuba ibeziziStreams ezibini eMpuma Koloni, ngamafutshane kukho ISasol league Inland Stream eyenziwa ngamaqela azinze kwiindawo ezifana no Mthatha, Alfred Nzo, kwaBhaca, Bizana kunye nezinye indawo ubheka ngaseSajonisi.

Lo gama iSasol league Coastal Stream eyenziwa ngamaqela azinze uqala eGcuwa uyokunqabela eDikeni naseGqeberha. Kulo Amaqela alishumi elinesithandathu iGcuwa imelwe yiThunderbirds Ladies esando thotyelwe kunqanaba elingasentla iHollywoodbets Super League kwaye kungoku sithetha nje eliqela laseMnquma liqhuba namalungiselelo walo ukulungiselela kuvulwa kwesizini. Kwiveki ezimbalwa ezidlulileyo iThunderbirds Ladies oko iphantsi phezulu ikhangela abadlali ezakubasebenzisa xa ukuqala isizini. Ngokwengxelo eziphuma enkampini yeli qela kuyabonakali izinto ziza kakuhle kwaye bakhona abadlali elibafumeneyo emva kokuba lathi lashiywa ngabadlali emveni kokuba likhiqiwe kwi Hollywoodbets Super league. IThunderbirds Ladies izokhuphisana ngamaqela afana neSophakama Ladies kwi Coastal Stream kwaye lamaqela mabini ayathanda ubangisana ngendawo yokuqala.

Lo gama kwi-Inland Stream, Executive Ladies yaseNtabankulu nayo ixakekile ihlanganisa iqela elitsha emva kokuba abadlali bayo bethathwe ngamanye amaqela waseKZN adlala kuSasol league nawo. UMphathi weliqela Executive Ladies uMnu uMawethu Nama uthe bakhona abadlali esele bebafumene uvala izikhewu zabo bamkileyo. UNama uthe bangaphaya kweshumi abadlali abemkileyo uyokudlalela Amaqela waseKZN kodwa uyazama uhlangaisa abanye abadlali. Kwisizini ephelileyo Executive Ladies ibiyiyo efince isizini ihleli kwindawo yokuqala ngenxa yokudlala ngokuzimisela kwabadlali beliqela. Eastern Peace Lovers FC yaseNgcobo neAyakha Stars FC yaseMthatha ngawona maqela aye anika ubunzima iExecutive Ladies esilwela indawo yokuqala Kwisizini ephelileyo.

Nakulena isizini ka2025 kulindeleke ukuba izinto zingabikho lula kwiSasol league kuba wonke amaqela kwiStreams zozibini azakuba egxeleshe udumo.